I-Hemp luhlobo oluthile lwe Cannabis sativa L. luhlobo lezityalo ezikhuliselwa imisebenzi emininzi. I-hemp ingasetyenziswa njengokutya (amazinga aphezulu we protein kumgubo we hemp kunye ne oli yayo), amalaphu okwenza iimpahla kwiindawo ezithungayo ze zithengise iimpahla, ekutyeni kwezilwanyana, emayezeni afana ne oli-iCBD eminye yemisebenzi iquka ukufakwa kwayo kwizixhobo zokwakha kuquka ne payinti yamadonga.
I-Cannabis sativa yaziwa njengo ‘hemp’ xa inamazinga aphantsi we cannabinoid tetrahydrocannabinol (THC) esebenzayo. Amazinga avumelekileyo we THC angohluka ukusuka ku 0.1% ukuya ku 0.3% ngokwemithetho eyohlukileyo yamazwe ngamazwe. I-hemp ke ayenzi umntu ‘aqhunywe’ xa ubani ethe wayisebenzisa.
Intengiso ye hemp ilawulwa kweli lo Mzantsi Afrika ngumthetho iMedicines Act in South Africa, lomthetho uchaphazele ukulinywa kwe hemp njengoku balulekileyo okunokuthi kukhulise ezomnotho zo Mzantsi Afrika, kwaye ivelise amathuba omsebenzi, incedisane nokulwa intswela ngqeso kweli lo Mzantsi Afrika.
Nangona kunjalo, mhlawumbi ngenxa yoku swela ulwazi, umficamficane ubalwa kwi nqanaba i‘schedule 7’ ‘somgubo olawulwayo’ wemveliso. Kuyafana ke nezidakamizwa ezifana ne mandrax ne heroin. Iimpepha mvume zokukhulisa ihemp ngenjongo, ‘zophando’ zingafumaneka kwi South African Health Products Regulatory Authority (SAHPRA) kwaye zilungele ukugcina iinyanga ezilishumi nambini (12).
Oluthotho ke lwembalelwano nge hemp luguqulelwa kwilwimi ezisemthethweni zeli lo Mzantsi Afrika ezilishumi elinanye (11) ukuze zinikeze aba bafundayo, ulwazi ngemisebenzi emininzi yesityalo ihemp nemisebenzi yaso, eyaziwa nge ‘hemp’ ngolwimi lwesilungu.
Translated by Zikhona Plaatjie