I-Hemp Njengo Kutya

©Marinda Louw

Ukwanda kezidingo zokutya ukusuka kwizityalo, okuphezulu kwi protein kunye nee oli ezisempilweni zenze umdla omtsha kwizondlo ezifumaneka kwimveliso zokutya ezenziwe nge hemp. Iinkozo ze hemp azinayo igluten kwaye zigcwele izinongo kwaye zinencasa yamandongomane inikeza umgubo ophezulu kwi protein nee oli ezisempilweni.

Inzuzo Efumaneka Kwi Hemp

Iinkozo ze hemp ziphezulu kwi protein (20% - 25%) kwaye iphezulu kwi fibre elungele umzimba, vitamin A, B1, B6, B12, C,D kunye no E kwaye ine magnesium, phosphorus, potassium, calcium kunye ne iron. I-edestin, iprotein etyeka lula ekwaziyo nokugcineka inazo zonke ii-amino acids ezifunekayo emzimbeni kwaye ibanga malunga no 60 – 80 % we protein efumaneka kwinkozo ze hemp.

Eyona nto ibalulekile kwinkozo ze hemp yi oli kunye nokudityaniswa ne asidi etyebileyo. Iinkozo okanye iintanga ze hemp zine oli emalunga no 25% - 35% kwaye 36% ngamafutha awaziwa njenge ‘poly- unsaturated fats’ eziquka i-omega -3, -6 no -9 wamanqatha. Lamanqatha ehlisa ukudumba okuhamba neentlungi kwaye anceda ukuthomalalisa iimpawu zezifo ezithe gqolo ezifana nesifo seswekile sohlobo lwesibini (type 2 diabetes) ne sifo samathambo.

I-Hemp ke incedisa ukukhusela umzimba kwizifo, yimibulelo ku vitamin E ne Phytol efumaneka kuyo, zithintela izigulo zingonakalisi amajoni omzimba, emzimbeni womntu kwaye ingehlisa umngcipheko wengxaki zempilo ezifana nesifo iParkison’s, ukuhlaselwa sisifo sentliziyo, okanye nqu nesifo se Alzheimer’s.

I-Hemp Ekutyeni

Izinongo zokupheka ezifumaneka kwinkozo ze hemp zingasetyenziswa ukongeza iprotein, carbohydrates, oli, okanye izinongo kwintlobo zokutya kuquka iziselo ezenziwe ngeziqhamo kunye neziselo ezimfaxangiweyo zeziqhamo. Ihemp ikwasetyenziswa ukwenza imveliso ezisetyenizswa endaweni yobisi, umzekelo ubisi lwe hemp. 

Emveni kokukhutshwa kwe oli kwi nkozo ze hemp, ikhekhe le hemp elishiyekileyo liyagutywa ukwenza umgubo, wona ke una 15-20% kwi protein ecoleka kakhulu. Yongeza umgubo we hemp njengo mgubo we protein kwi payi, amakhekhe, mafini, kunye nesonka njengo mgubo wengqolowa ongenazo iicarbohydrates ezininzi. Sebenzisa malunga no 25% we hemp kumlinganiselo ka 75% womgubo. Umgubo we hemp ungasetyeninziswa njenge sinongo kwisidlo esikhawulezileyo esimnandi (snack bars). 

Umgubo we protein we hemp uyakwazi ukongezwa kwi (smoothie) ne suphu, apho imigubo ye hemp ingathi isetyenziswe khona yenze nesiphungo esithoba umoya esisempilweni. Ukuncedisana nokutyeka kwamafutha CBD, i-oli ye khokhonathi ibhotolo okanye ubisi olugcwele amafutha zingongezwa kwi ti.

I-Oli ye hemp, nokuba ikhanywe kwinkozo okanye i-CBD ye oli etyetyisiweyo kumagqabi nentyatyambo zisetyenziswa njenge oli efafazwayo okanye ithatyathwe njenge yeza. Ikwasetyenziswa ihemp ukudidiyeleni utywala ibhiya kwaye iyongezwa kwimixube yeziselo nakwezinye iziselo. Kwilizwe lase China, iinkozo ze hemp ezenziwe amarostile zithengiswa njenge sidlo esikhawulezileyo ngabo bathengisa esitalatweni kwaye eRussia, ‘i-oli emnyama’ eveliswe kwinkozo ezigcwele ichlorophyll zisetyenziswa kakhulu. 

Iinkozo ze hemp zingagutywa (ngoko zazifudula ukubizwa ‘intliziyo ze hemp’) kwaye isasazwe phezulu kwe saladi, zigutywe zisetyenziswe kwi (smoothie) ne suphu okanye zichutywe namaqhashu, iincindi, i-oli ye khokhonathi, iinkozo ze chia zibhakwe esitovini ukwenza igranola egramgram.

Translated by Zikhona Plaatjie