Isetyenziselwa Ntoni iHemp?

©Marinda Louw

Isityalo samandulo esasisetyenziswa kumaxesha akudala phambi kokuba sifakwe isibheno yimithetho yase Ntshona emitsha ngeminyaka yama 1930s, fibre kunye ne oli yesityalo se hemp sizetyenziswe ekwenzeni iyunifomu yamajoni, iseyile kunye neentambo ezomeleleyo ezisetyenziswa kwiinqanawe zabatyeleli bokuqala ababehamba emanzini, iiflegi kunye neencwadi kwi koloni ezintsha kananjalo neempahla zabasenzi base mayini okuqala. 

I-oli ye Hemp enezinongo isetyenziswa ekutyeni, kumafutha okuthambisa umzimba, kunye nezokwenza ulusu lwesikhumba lubeluhle, kwaye i-CBD ene oli yehemp inoncedo lokunyanga izigulo ezininzi. I-Hemp ikwatyalelwa ukufunxa ubumdaka emhlabeni, ingasetyenziswa njenge ngxenye yojikeleziswa lwezityalo ukuphuhlisa impilo yomhlaba nokwenza amafutha acocekileyo.

Owona msebenzi mkhulu we hemp ngowe oli ye hemp i-CBD (23%), kunye nemveliso zokuzikhathalela (22%) kulandele ukusetyenziswa kwimizi mveliso (18%).

I-Hemp Njenge Mpahla

Amagqabi amade, awomeleleyo angaphandle, wesikhondo se hemp asetyenziswa ekwenzeni iimpahla nokuzithunga.

Njengoko kuchaziwe yi USA National Hemp Association, isityalo se hemp sisityalo esomeleleyo, eside emhlabeni wonke kwaye yayi setyenziswa kwakude kudala phambi kwe nylon ngo 1937. Ihemp iyanyamezela ukubola, ukumbatsha – nokukrazuka. Yayisetyenziswa ukwenza intambo okanye iirophu, iyunifomu yamajoni, umnatha we parashuti, iityesi zempahla kunye neentambo.

Ijini yoqobo yakwa Levi zazisenziwa nge laphu le hemp zisenzelwa oonomayini base California. Kwiminyaka yexesha lomlo wesibini, umkhosi wase USA wakhuthaza amafama ase Melika ukuba atyale ihemp ukuze avelise irophu kunye noko kuthungwayo okunokuthi kuthengiswe kumazwe angaphandle ngenxa yemilo. Exesheni, ekupheleni komlo, zonke iimpepha mvume zoku khulisa ihemp zathi za cinywa okanye zayekiswa.

Ilaphu le hemp lomelele ngokuphindwe kathathu kune khothoni kwaye lingadityaniswa ne silika ne khothoni ukuvelisa iimpahla ezivakala ngenye indlela esandleni.

I-Phepha le Hemp

Iphepha le hemp alijiki libe tyheli xa libalidala, yomelele ukogqitha amaphepha enziwe ngomthi kwaye iyanyamezela ukuhamba-hambiswa. Ukongeza, ukusebenzisa ihemp emaphepheni kuqinile kunamasebe omthi xa ekhula kwinyanga ezine, kwaye oku kukhawuleza ukogqitha imithi.

I-Hemp Ezimotweni

Ngonyaka ka 1941 uHenry Ford, umseki we nkampani yakwa Ford yentengiso yeemoto, wathi wenza ihemp esebenza ezimotweni kunye namafutha wemoto enziwe ngezityalo, kunye ne bhampa yemoto eyenziwe nge hemp nezinye izixhobo. Ngonyaka ka 2019 umenzi weemoto zakwa Porsche wavulela i-718 Cayman GT4 clubsport kwaye umzimba wayo wenziwa ngamasebe we hemp ne plastiki. I-Hemp yathabatha indawo ye carbon fibre ukomeleza iplastiki yayo.

I-Hemp Empilweni

I-CBD oli ye hemp esetyenziswa emayezeni idityaniswa nezikhuseli mzimba, polyunsaturated fatty acids kunye ne cannabinoids ezifumaneka kwi oli efumaneka kwi ntyatyambo, amagqabi nesiqu. Enye ye cannabinoids ezihamba phambili, i-CBD oli isetyenziselwa ukunceda kwintlungu ezihamba nokudumba, iintlungu, kunye nokunceda isicavucavu sentliziyo. I-Oli ye hemp efunxwe ibanda kwinkozo iphezulu kwi poly-unsaturated fatty acids kwaye isetyenziswa njenge oli yesaladi nakwi mveliso zokuthambisa umzimba.

Ukutya Kwe Hemp

©Marinda Louw

Inkozo ze hemp zisetyeniziswa ekutyeni kwabantu nasekutyeni kwezilwanyana. Ifunxwa ukuze ivelise i-oli ye saladi. Umgubo wenkozo ze hemp (wenziwe nge oli ephuka kwikhekhe lenkozo emveni kokuba kufunxwe i-oli) igcwele iprotein, umgubo onesondlo osetyenziswa ekubhakeni, kwi (smoothie), kunye nezidlo ezikhawulezileyo ezimnandi.

I-Hemp Ekwakheni Izindlu

©Marinda Louw

Ngaphakathi kwediza le hemp kukho umgubo ofana ne tshokhwe odeki obizwa ngokuba yi hurd. Lomgubo usetyenziswa kwimveliso zokwakha. Isikwa ibezi pisi, ihemp hurd ixutywa nokusetyenziswa ngokuyidibanisa. Lomxube usetyenziswa ukwenza izitena kunye namazinki – isebenze njengoko kukhuselayo.

I-oli ye Hemp ethengiswayo icekeceke ilungele ivanishi esetyenziswa kwimithi. Ingasetyenziswa kwi peyinti yamadonga, njenge oli yokuthambisa oomatshini kunye ne inki. Iziphumo zemveliso zibonakalise i-oli ye hemp isogqitha intlobo zeplastiki ne petrol, imveliso ze polymer nangona zinamazinga aphantsi obumdaka nobungozi.

Iimveliso ze Hemp eMzantsi Afrika

Imveliso ze hemp kwelo Mzantsi Afrika zonke zithengwa kwamanye amazwe. Amalaphu wempahla athengwa eChina. Iimveliso ze CBD zithengwa kwelase USA. Iinkozo ezinikeza impilo zisuka kwelase Germany. I-oli ye hemp enezinongo zempilo ithengwa eCanada, nangona imveliso zokwakha ze hemp zifumaneka e-United Kingdom.

Translated by Zikhona Plaatjie