Intlobo ze Hemp

©Marinda Louw

Kwincadi yakhe, Psychedelics Encyclopedia, U-Peter Stafford uchaza okokuba ingcaphephe ezininzi ziyavuma okokuba kukho iintlobo ezintathu zezityalo ze intsangu (Cannabis) ezahluka ngendlela yoku khula, iimbewu, idiza kunye nezinga le resin (cannabinoid) efumanekayo.

Intlobo ze Hemp no Mya

©Craft Sense

I-Cannabis sativa L. iyinxalenye yosapho lwe cannabis eyaziwa ngokuba yi hemp. Iintlobo zinomlinganiselo we THC engaphantsi ko 0.3%. I-Hemp yona luhlobo olungasebenzi engqondweni lwe cannabis. Oluhlobo lafumaneka kwelase China laze lacalulwa ngo 1753 njenge Cannabis sativa Linnaeus, eyathi yabizwa ngegama lika Carl Linnaeus, umsebenzi wezityalo wase Sweden. Ezintlobo zazivelisa amasebe awomeleleyo, kwaye zingakhula ukuya ku 5m ubude kwaye ilunge kakhulu kwi nkozo ze hemp nemveliso ye fibre.

I-Cannabis indica Lamarck sisityalo esifutshane esifukufuku esimxinwa kwaye ayilungelanga imveliso ye fibre. I-Cannabis indica okanye intsangu inamazinga aphezulu okusebenza engqondweni itetrahydrocannabinol (THC) ne THC engxengwe ngo 18% ukuya ku 38%. 

Uhlobo lwesithathu, Cannabis ruderalis yachongwa ngo 1924 eSiberia apho ikhula khona endle. Oluhlobo lwesithathu, lukhula ngapha kwama 60 cm ubude, alisebenzi kakhulu engqondweni kwaye livuthwa kwiveki ezisixhenxe (7). Iintanga ze C. ruderalis zazisetyenziswa kwimithetho yemingcwabo ngo 450 B.C.

Uhlobo i-C. sativa laqala lanabela kwilizwe lonke kuqikelelwa okokuba akwakunge nxa yamagqabi wayo aluncedo nenkozo ezityekayo.

Iintlobo ze Hemp

iDyunivesithi yase Kentucky College of Agriculture, Food and Environmental Cooperative Extension Services icebisa amafama alime ihemp okokuba enze uphando ngentlobo ze hemp ngokwentlobo ze hemp ezifumanekayo abanqwenela ukuzilima. Iintwana ntwana zingabayi fibre yokwenza iimpahla kunye nezixhobo zokwakha iinkozo ze hemp ezivelisa i-oli okanye okunye okuyimfuno kwimveliso ye CBD oli. Kufuneka bakhethe iintlobo ezithenjiweyo okokuba ziyavelisa xa kufakwa oku.

Amagqabi amakhulu we hemp ngaphandle kwe diza le hemp asetyenziselwa imixube egafaniyo, iimpahla, impuphu nephepha. Lamagqabi angaphandle omeeleyo afumaneka ngaphakathine diza eline pectin, icarbohyarate etyekayo. 

Umphakathi we diza le hemp ofana nomthi (ubunzulu) isetyenziselwa ukokha, amafutha wemoto, ibhedi yezilwanyana, kunye nomgquba nangona iinkozo ze hemp zine oli ene protein eninzi kunye ne protein yomgubo, iintyatambo namagqabi ziqhelile ukufunxa icannabinoid CBD, i-oli etyebileyo yokwenza amayeza kunye neengxaki zempilo.

Ubungakanani boncedo kwi hemp yentengiso kusetyenziselwa ukuvelisa iimveliso ezithile ze hemp; hemp seed, fibre esebenza macala evelisa zombini ifire nembewu. Ihemp esetyenziselwa izinto ezinzi azivelisi kakhulu ukogqitha ezo zomgangatho onenjongo enye izilimo ze hemp.

Translated by Zikhona Plaatjie