iPere

© Louise Brodie

iPere sisiqhamo esilinywa kakhulu kummandla wase Ntshona Koloni kwilizwe lase Mzantsi Afrika. Ixesha lesi siqhamo liqala ngenyanga zika Februwari ukuya kweka Agasti. Ubuninzi bemveliso buthengiselwa amazwe afana ne United Kingdom, ze enye imveliso ithengiswe phakathi elizweni. Iingingqi ezaziwa ngemveliso yamapere ziquka iElgin, Ceres kunye nase Wolseley. 

Esi siqhamo simile okwentsimbi ekhaliswayo, nesirhabaxana singonwatyelwa ngendlela ezininzi ezahlukeneyo. Singatyiwa sihlaza, siphekiwe, somisiwe okanye sinkonkxiwe. Sizele yi faybha kwaye singumthombo olungileyo we vithamin C kunye ne phothaziyam. Amaqondo aso aphezulu e antioxidants anceda ekwakheni amajoni omzimba (immune system). Oku kwenza esi siqhamo sithandwe kakhulu ekuveliseni iimveliso zokutya kwabantwana.

Translated by Zizipho Silwana

iMveliso yePere

Sele iyiminyaka engama waka waka kulinywa amapere, ayede ebizwa “nge zipho zezithixo” kwindawo yase Homer’s Odyssey...more

Ama Pere eMzantsi Afrika

Ngokufana nemithi yama apile, imithi yamapere ikhula kakuhle kwiindawo ezinemozulu eziphakathana- imimandla enengqele zasebusika kunye nohlo...more