Ama Pere eMzantsi Afrika

© Glenneis Kriel

Ngokufana nemithi yama apile, imithi yamapere ikhula kakuhle kwiindawo ezinemozulu eziphakathana- imimandla enengqele zasebusika kunye nohlobo olungagqatsiyo. IPhondo leNtshona Koloni, ngenxa yesi sizathu, linesibalo esingaphaya kwesiqingatha semveliso samapere eveliswa kwilizwe loMzantsi Afrika. Njengoko kuchazwe kwingxelo ye Hortgro Tree Census yangomnyaka ka 2017, ingingqi epheleleyo ephantsi kwemveliso yayifikelela kuma 12 265 ha ngomnyaka ka 2017. 

iCeres Valley sele ineminyaka emininzi ivelisa esi siqhamo, kwaye yeyona ndawo ivelisa isibalo esininzi. Ngomnyaka ka 2017 kwakukho isibalo esingama 37% somhlaba ophantsi kwemveliso. Ingingqi yase Langkloof yayikuluhlu lwesibini, ibalelwa kwi 14% eMpuma ze ibeyi 2% eNtshona, ze ilandelwe yiWolseley/Tulbagh kunye ne Groenland, ingingqi nganye kwezi yayinesibalo esili 12% esilinyiweyo. 

Indawo yase Villiersdrop/Vyeboom yayibalelwa kuma 9%, logama iKlein Karoo yayibalelwa kuma 7% kunye ne Southern Cape, Piketberg kwakunye ne Somerset West zazine 2% indawo nganye.

Iindidi Zama Pere

©Louise Brodie

Ezona ndidi zityalwa kakhulu kwillizwe loMzantsi Afrika ziiPackham’s Triumph, Forelle, Bon Chretien kwakunye ne Abate Fetel. Indidi ye Packham’s Triumph yayibalelwa kuma 33% emveliso ngomnyaka ka 2017, ilandelwe yi Forelle ngama 26%, Williams Bon Chretien ngama 20% ze kugqibele i-Abate Fetel nge 7%. 

Ngokubonwe kwintsimi yeziqhamo, indidi ye Forelle yaba sisithole esizivelelayo saze saveliswa eMzantsi Afrika ukusukela ngeminyaka yoo 1800. Le ndidi ithiywe ngentlanzi ebizwa nge rainbow trout, kuba ixolo layo linombala obukufana nowale ntlanzi. Indidi yohlobo lwe Packham’s Triumph yaveliswa kwilizwe lase Australia, ngokudibanisa iindidi ezibizwa nge Bon Chretien kunye ne St Germain. Le ndidi yafika kwilizwe loMzantsi Afrika ngomnyaka ka 1992.

Indidi ye Bon Chretien yaqala kwilizwe lase United Kingdom, kwaye ilungele ukutyiwa injalo okanye inkonkxwe. Indidi ye Abate Fetel yaveliswa ngokudibanisa iindidi ezininzi ezahlukeneyo, iveliswa yi Monk yom French, uAbbe Fetel; ngomnyaka ka 1866. Le ndidi ithandwa kakhulu kwilizwekazi lase Europe.

Amaxesha Okuvuna

©Louise Brodie

Amapere ziziqhamo zase hlotyeni. Ixesha lokuvuna lixhomekeka kwindidi yepere kunye nemozulu. eMzantsi Afrika mapere ohlobo lwe Forelle avunwa ekupheleni kwenyanga ka Februwari ukuya ekupheleni kuka Matshi. Ze wona amapere ohlobo lwe Packham’s Triumphs avunwe ukusukela embindini wenyanga ka Februwari ze awohlobo lwe Bon Chretien avunwe ukusukela ekuqaleni ukuya ekupheleni kwenyanga ka Januwari. 

Intengiso

©Louise Brodie

Ilizwe loMzantsi Afrika ngumveliso omncinane ngokwendawo ekulinywa kuyo amapere. Kodwa ke, eli lizwe lelinye lahamba phambili kushishino amazwe angaphandle. Imveliso ijoliswe kakhulu kushishino lwamazwe angaphandle, ilandelwe kweyoshishino lwezinto ezenziwa ngama pere (processed products). Uninzi lwezi ziqhamo kwenziwa ngazo ezinye iimveliso ziyankonkxwa ze zibeligcuntswana ezomiswayo. 

Amazwe ase Europe ne United Kingdom ngawona athengiselwa kakhulu ngu Mzantsi Afrika. Esi sibalo sibhekiselele kumanani kunye nengeniso. Ngenxa yesi sizathu, indidi emayilinywe ixhomekeka kwezi makethi. Amazwe ase Europe akholwa ziindidi ezikrwam krwam ezifana ne Abate Fetel kunye ne Doyenne Du Comice, logama awase United Kingdom ekholwa ngamapere athambileyo.

Imisebenzi

©Louise Brodie

Amapere azele zizinongo, iivithamin, minerali, faybha kunye nee antioxidants. Angonwatyelwa enjalo okanye asetyenziswe ukwenza iisaladi. Angankonkxwa, omiswe, acujwe (pureed) okanye kwenziwe ngawi ijusi. Ayasetyenziswa nasekuphekeni nokubhaka.

Translated by Zizipho Silwana