Iintlobo ze Citrus

©Louise Brodie
©Louise Brodie
©Louise Brodie
©Louise Brodie

Ii-Orenji
Ezona ntlobo ziveliswayo ze orenji eMzantsi Afrika zi Navels kunye ne Valencias. Zona ke inavels ngesiqhelo zikhawuleza zivuthwe phambi kwe Valencias.I-Navel zibonakala ngesiqhamo esincinci ‘sesibini’ esingaphakathi esithi sikhule emazantsi esiqhamo. Isiqhamo sibizwa okokuba yi navel kuba imbonakalo ibonakalisa umbhono womntu. Valencias zibizwa emveni kwegama lesixeko sase Spain iValencia nangona imvelaphi yokwenene yaso ingaziwa. Ivalencias zi switi kwaye zine sikhumba esibhityileyo xa kuthelekiswa nge navels kwaye zilinywa kakhulu ngenjongo yemveliso yesiselo.

Ii-orenji zezona ziqhamo ze citrus ezithandwayo eMzantsi Afrika, kwaye lelona hlobo lithandwayo le citrus kwaye ngama 60% we citrus ethengiselwa amanye amazwe kweli lo Mzantsi Afrika. Isivuno se Valencia kweli lo Mzantsi Afrika lelona hlobo liveliswa kakhulu kweli ze lithengiswe ukusuka apha eMzantsi Afrika kwaye iphinda phindane amanani emveliso we navels.

I-Lamuni kunye ne Lime
I-Lemon ne lime zintlobo ezimbini zesiqhamo. I-lamuni zilinywa kwisimo sezulu esinobushushu, logama zona i-lime ziveliswa kwimimandla efumileyo kunye naleyo ifume kancinci ngokwesimo sezulu. Eziziqhamo zombini zine asidi kunye nencasa emuncu kwaye zisetyenziwa jikelele kwizinto ezininzi ezohlukileyo. Ngaphandle kokusetyenziswa ekutyeni nakwintengiso zesiselo, ilamuni ne lime incindi ziyasetyenziswa emayezeni, kwimveliso ezithanjiswayo, kunye nezo zokucoca. Isidingo kwilizwe jikelele nesidingo selamuni sibonakalisa ekukhuleni eMzantsi Afrika kwimveliso kwintengiso ye citrus kwiminyaka esandula ukudlula.

I-Grapefruit
Isiqhamo igrapefruit lelona hlobo likhulu le citrus. Zityiwa kusasa njenge sidlo sakusasa seziqhamo ngesiqhelo kwaye iyakhanywa yenziwe isiselo. Intsusa yegama lesisiqhamo libhekisa kwindlela ekhulayo, kuba isiqhamo sikhula kufuphi kwaye imbonakalo iyafana nesikhaxa somdiliya. Intlobo ze grapefruit zohlulwe phakathi kwezi mhlophe kunye ne grapefruit enombala. Igrapefruit enemibala ine lycopene, enikeza umbala opinki okanye obomvu kwintlobo ezinemibala. Isidingo sabathengi sininzi kwezi bomvu (imibala) igrapefruit kwintengiso kwi mpuma ekude inyusa intengiso kunye nokukhula kwintengiso yase Mzantsi Afrika.

I-Citrus eThambileyo
I-Citrus ethambileyo ibhekisa kwingxenye yeziqhamo ze citrus ezine sikhumba eziyekileyo kwaye ngamanye amaxesha ibizwa nge ‘easy pealers’ kuba zixobuleka lula. Ezi ke ziquka mandarins, clementaines, satsumas, mineolas kunye ne tangerines. Eziziqhamo zi switi ziyathandwa kakhulu kwilizwe jikelele eMzantsi Afrika, imveliso ye citrus ethambileyo iyakhula kakhulu kwilizwe jikelele.

I-Kumquarts
I-Kumquarts zincinci, ziziqhamo ezinombala o-orenji. Logama amaxolo anencasa eswiti kwaye nevumba elimnandi, isiqhamo sona simuncu. Esisiqhamo singatyiwa siphekiwe kodwa sisetyenziswa ukwenza imarmalade, jellies kunye neziqabi.

Translated by Zikhona Plaatjie

Grapefruit

Isiqhamo igrapefruit, esine nguqulelo engaqinisekanga yolwimi lwesintu egama elithi ‘yimbabusi ebomvu krwe okwe nkwekwezi’ luhlobo elizi...more

Ii-Lemoni

Ii-Lemoni, zaziwa ngomphandle wazo otyheli nobumuncu ngencasa, zezinye zeziqhamo ze citrus ezibalulekileyo ezilinywa eMzantsi Afrika....more

Lime Production

I-lamuni ikhula kakuhle kwindawo ezinemvula nezingena bushushu kakhulu. Kukholelwa okokuba imvelaphi yayo ise Mazantsi-Mpuma ye Asia- pha k...more

Orange Production in South Africa

Ukuza kuthi gaa ngoku ama orenji zezona ndidi ze citrus ezilinywa kakhulu kwilizwe lase Mzantsi Afrika. Akwisibalo esingaphaya kwama 60% emv...more

Soft Citrus Varieties in South Africa

Kulinywe iindidi ezahlukeneyo ze citrus ethambileyo eMzantsi Afrika. Ezi ndidi zingohlulwa ngokwamaqela amathathu: mandarins, clementines, k...more