Imveliso ye Orenji eMzantsi Afrika

©Louise Brodie

Ukuza kuthi gaa ngoku ama orenji zezona ndidi ze citrus ezilinywa kakhulu kwilizwe lase Mzantsi Afrika. Akwisibalo esingaphaya kwama 60% emveliso ze citrus ezithengiselwa amanye amazwe. Kwesi sibalo, iValencia yeyona iveliswa nethengiswa kakhulu kumazwe angaphandle. Isibalo semveliso yaso iphindwa phindwe kabini kunezinye iindidi ze orenji. 

Njengoko kuchaziwe ngumbutho iCitrus Growers Association, ama orenji eValencia anesibalo esingama 34% se 83 490 ha ye citrus ebhaliselwe intengiso yangaphandle kumnyaka ka 2018. Isibalo esingaphaya kwama 60% emithi yama orenji atyalwe kwiPhondo lase Limpopo. I-Phondo lase Mpuma Koloni linesibalo esili 14% yomhlaba ophantsi kwemveliso, logama iPhondo lase Ntshona Koloni libalelwa kwi 9% yemveliso. 

Ama-Orenji ohlobo lwe Navel ayeyi ndidi yesibini kwiziqhamo ze citrus eziveliswa kakhulu. Ibalelwa kuma 20% omhlaba ekulinywe kuyo, nobhaliselwe ingengiso yamazwe angaphandle. IPhondo lase Mpuma Koloni lalinama 39% ezi zityalo, nto leyo ilenza libe lelona Phondo lihamba phambili kwimveliso ye navels. AmaPhondo ase Limpopo nase Ntshona Koloni ngawesibini nesithathi kwimihlaba ephantsi kwemveliso. IPhondo lase Limpopo likuma 26% ze yona INtshona Koloni ibe kuma 25%.

I-Navels Kunye ne Valencias

©Louise Brodie

Indidi ye navel inesiqhamo sesibini esikhula apha ngaphantsi kuyo, nefana nombhono womntu. Ama-Orenji ohlobo lwe navel afunyanwa kwilizwe lase Brazil ngeminyaka yoo 1820. Kukholeleka ukuba avela kumthi we laranja selecta nowavela wazitshintshela. Le ndidi ayina ntanga, nto leyo ithetha ukuba kufuneka yandiswe ngokwenza ubuchule be graft (Ukuxokonyezelwa kwehlahla kwisiqu somnye umthi),

Iindidi ze Valencia zinencasa eswiti kakhulu kunezinye, zinamaxolo athambileyo. Kwaye zivamise ukuvuthwa msinya kune ndidi ze navels. Zithiywe ngedolophu yase Spain, iValencia, kodwa le ndidi ngumxube we pummelo kunye ne mandarin California. Le ndidi yenziwa ngumfama we citrus kunye ne agronomist yase Melika uWilliam Wolfskill. Kodwa ke, eli orenji laba nempumelelo kwintengiso kwilizwe lase Spain kunase California.

Iindidi Ezifumanekayo

Ngomnyaka ka 2018, iMidknight yayi yeyona ndidi ye Valencia ilinywa kakhulu. Yayibalelwa kuma 36% womhlaba opehelelo olime iValencia. Le ndidi yaqala ukuqatshelwa ngomnyaka ka 1927 ngu AP Knight, neyathi yathiywa ngaye. Wayibona kwintsimi ese Summerville, Addo ekwi Phondo lase Mpuma Koloni. Le ndidi ayizange ihoywe kangako de yaba yiminyaka yoo 1970. 

I-Valencia yaba yindidi yesibini kwezona ndidi zityalwa kakhulu, yayithathe umhlaba oli 19% kule ndawo. Lo gama indidi ye Delta ibalelwa kwi 16% yomhlaba etyalwe kuwo. Iindidi ze Turkey kunye ne Bennie zibalelwa kwi 10% kunye ne 9% yemihlaba ezityalwe kuwo. 

Iindidi ze Palmer, Bahianinha, Cambria kunye ne Washington yayizezona ndidi zityalwa kakhulu ngomnyaka ka 2018. iPalmer yayikwi 18%, Bahianinha kwi 14%, Cambria kwi 12% kunye ne Washington kwi 11% yomhlaba opheleleyo ezilinywe kuwo.

Amaxesha Okuvunwa

Indidi ye Valencia ivunwa ukusuka kwiinyanga zika Julayi ukuya kweka Septemba, logama eye Navel ivunwa ukusuka kwinyanga ka Juni ukuya kweka Julayi.

Imakethi

©Louise Brodie

Inkoliso yama orenji ase Mzantsi Afrika athengiselwa amanye amazwe. Esi siqhamo sithengiselwa amazwe ahlukeneyo kwihlabathi jikelele. Ilizwekazi lase Europe lelona lihamba phambili ngama 33% ekuthengeni esi siqhamo. UMbindi Mpuma wayelilizwe lesibini kwahamba phambili ekuthengeni esi siqhamo eMzantsi Afrika ngomnyaka ka 2018. Lalibalelwa kwi 19% inani lezi qhamo elazithengayo, lalandelwa nguMzantsi-Mpuma Asia nge 18% yesi siqhamo.

Translated by Zizipho Silwana

Orange Production

Ama-orenji aswiti aqala ukukhula eMzantsi-mpuma welizwe lase China. Kwaye kuyathethewa ngawo kwizibhalo zeminyaka yama 314 BC....more