Imveliso ye Lamuni

© Louise Brodie

I-lamuni ikhula kakuhle kwindawo ezinemvula nezingena bushushu kakhulu. Kukholelwa okokuba imvelaphi yayo ise Mazantsi-Mpuma ye Asia- pha kumazantsi we India, indawo ezidibanayo ze Myanmar, Malaysia ne Indonesia. Ngexesha lenkulungwane yeshumi, abathengisi bama Arab beza nemithi ye lamuni xa bebuya kwihambo zabo ezisuka kwelase Mpuma baze bazizisa eYiphutha naku Mantla we Afrika. 

Iilamuni kukholelwa okokuba iphume kwintlobo ezininzi ezohlukileyo, lilonke okuqhelekileyo kokokuba icitrus enomphakathi ohlaza ibizwe ilamuni. Iintlobo ezahlukileyo, eneneni, zonke zohlukene nemvelaphi.

I-Lamuni ne Lemoni

Ilamuni zingqukuva zinombala oluhlaza xa zithelekiwa ne lemoni, zona zibubume obumbhoxo nombala okhazimlayo otyheli. Ilamuni ngesiqhelo zibancinci kune lemoni.

Zombini iziqhamo zine asidi zimuncu, kodwa iilamuni zikrakra kakhulu. Zikhona ke iilamuni eziswiti ziphinde zibemuncu. Ezi ziswiti azinayo icitric acid le inikeza incasa emuncu.

Imveliso ya Mazwe Angaphandle

Imveliso yelamuni incinci xa ithelekiswa nezinye iziqhamo ze citrus. Njengoko kuchaziwe ngu Tridge, ilizwe lase Spain lelona lithengisela amanye amazwe kakhulu, libanga u 15.6% yayo yonke intengiso yangaphandle ngonyaka ka 2018, ngexesha iGermany ithabathe indawo yesibini, ibala u11% yokuthenga kwamanye amazwe.

Ilizwe lase France nase Netherlands zathi zabamba indawo yesithathu zombini, inganye ibanga u 7.2% yayo yonke intengiso ethengwe kwamanye amazwe.

Imveliso eMzantsi Afrika

Imveliso ye lamuni eMzantsi Afrika isencinci, kupheka ngu 82 ha obhaliselwe intengiso yamazwe angaphandle ngonyaka ka 2018. Oku kungenxa yokuba amafama angabane ngeniso engcono kwezinye izivuno ze citrus.

Imveliso ye Ngingqi Engqongileyo

Ilamuni iveliswa kulo lonke ilizwe lase Mzantsi ukuze isetyenziswe emakhaya okanye ithengiselwe abathengisi. I-Hoedspruit yona, ngapha kwengxenye yendawo ibhaliselwe intengiso yangaphandle ngo 2018. Ngexesha iBoland yona ine 12 ha ze Intshona Koloni ne Patensie zibale I 8 nganganye. Iihektare esisixhenxe zazibhaliselwe ingengiso yangaphandle eGroblersdal.

Iintlobo

I-Bearss ne Tahiti zezona ntlobo zityalwayo ze lamuni eMzantsi Afrika. uhlobo lwe Bearrs kukholelwa okokuba lisuka kwelase California, kwisithole esasiphuma kwisiqhamo seTahiti. Yanikezwa igama emveni komnikazi, TJ Bearrs, wendawo egcina izithole apho zikhuliselwa khona.

Eyona mvelaphi yelamuni ye Tahiti ayaziwa. Igama libhekisa kukuba olu hlobo lasiwa eCalifornia ukusuka eTahiti pha koo 1850 no 1880. Oluhlobo kwaziwa kokuba lenziwe luhlobo olusuka ekudityanisweni kwezityalo ezintathu, iquka intlobo ezimbini ze genera ye citron, pummelo nohlobo elincinci le citrus.

Ixesha

Nangona abalimi base Mzantsi Afrika bekwazi ukuvuna unyaka wonke, ixesha liyenyuka ukusuka kwinyanga ka Januwari ukuya ku Meyi.

Imisebenzi

Iilamuni zityebile kwi flavonoids, ezilwa nesifo somdlavuza kunye nokukhusela umzimba. Incindi, umzekelo isetyenziswe eWest Afrika iminyaka emininzi ukuyanga nokuthintela isifo se kholera. Iilamuni zinezinongo zomzimba kunye nee minerali. Kufumaneka ngapha kwama 30% wezinongo zomzimba ezidingwa ngumtnu omdala zika vitamin C.

Ngenxa yencasa emuncu, azityiwa ngobunjalo bazo. Incindi yayo yona isetyenziswa kakhulu ekuphekeni, ngexesha amacwecwe wayo edumile ngokuhombisa iziselo ezimnandi nezinye nje iziselo.

Ukufumana incindi eninzi kwilamuni, kufuneka imfaxangwe kubushushu obuphakathi. Indawo emhlophe engaphantsi kwesikhumba esihlaza inencasa ekrakra, kufuneka ingatyiwa xa uyincwela okanye usebenzisa igreyitha ukukhupha incindi.

Translated by Zikhona Plaatjie