Ii-Lemoni

© Louise Brodie

Ii-Lemoni, zaziwa ngomphandle wazo otyheli nobumuncu ngencasa, zezinye zeziqhamo ze citrus ezibalulekileyo ezilinywa eMzantsi Afrika. imithi yee Lemoni ilinywa kwilizwe jikelele kwaye ezona ndawo zemveliso zihamba phambili liphondo lase Mpuma Koloni, Ntshona Koloni nase Limpopo. Ngexesha lase busika (ukusuka ekupheleni kuka Meyi ukuya ku Agasti eMzantsi Afrika) iiLemoni ziyavunwa zihanjiswe kumazwe ohlukileyo, ngokuqinisekileyo kwelase United Kingdom.

ILemoni sisiqhamo esixhaphakileyo kwimizi emininzi ngenxa yenzuzo zayo ezininzi zempilo nokusebenziseka ekitshini. Esisiqhamo siqinileyo se citrus asityiwa nje sisodwa (lendlela kutyiwa ngayo i-orenji) kodwa ingasetyenziswa kwincindi, isosi, ukutya okuswiti okumnandi nezinye iziselo.

Translated by Zikhona Plaatjie

Imveliso ye Lemoni

Iilamuni zisuka kwela Mzantsi-Mpuma we Asia kwaye esisiqhamo sine citrus sihlonitshwe kakhulu ngoku kwazi ukupholisa izilonda kwamandulo....more

i-Lemoni eMzantsi Afrika

Ilemoni yase Kapa enesikhumba esirhabaxa lelona hlobo le lemona lidala lase Mzantsi Afrika. Yaziswa kweli lizwe ngu St Helena ngo 1645....more