i-Lemoni eMzantsi Afrika

©Louise Brodie

Ilemoni yase Kapa enesikhumba esirhabaxa lelona hlobo le lemona lidala lase Mzantsi Afrika. Yaziswa kweli lizwe ngu St Helena ngo 1645. Imithi ye lemoni yatyalwa kwi koloni ze gadi zenkampani iDutch East India, kunye nezinye iziqhamo nemifuno ukunikeza abathengisi base Yurophu ngentengiso efreshi endleleni yabo esingisa eMpuma, apho babethenga khona izipayisi nesilika.

Imithi ye lemoni yayityalwa ecaleni kwendlela (kwindawo zokuhamba ezisecaleni kwendlela) eKimberley ngexesha lemfazwe i-Anglo-Boer. Iphulo lokutyala imithi yeziqhamo eSoweto phambi kwe ndebe yehlabathi yebhola yenyawo (Soccer World Cup 2010) yavuselela ukutyalwa kwemithi ye citrus kwiigadi.

Imveliso

©Louise Brodie

Njengoko kugciniwe yi Citrus Growers Association, iphondo lase Mpuma Koloni lelona livelisa kakhulu iilemoni ngo 47% wendawo yonke ebhaliselwe intengiso yangaphandle ngonyaka ka 2018. Iphondo lase Limpopo likwindawo yesibini kwindawo yemveliso, ngo 34% wemveliso, ngexesha iphondo lase Ntshona Koloni likwindwo yesithathu ngobukhulu bendawo yemveliso, ngo 11% wendawo ephantsi kwemveliso ebhaliselwe intengiso yangaphandle.

Iintlobo

©Louise Brodie

Uhlobo i-Eureka lelona hlobo lixhaphakileyo le lemoni ehlabathini ngonyaka 2018, ibale ngapha ko 80% wendawo ebhaliselwe ukuthengisela amazwe angaphandle kwelo Mzantsi Afrika. Olu hlobo ekuqaleni labizwa ngokuba “Garey’s Eureka” ngu Thomas Garey, owathi ngo 1877 wakhetha wasasaza I’bud wood’ kwisithole esisuka kwelase Italy (kuqikelelwa eLunaria) yatyalwa kwelase Los Angeles ngo 1858.

Olu hlobo lunesikhumba esimpuluswa esityheli ngombala, imveliso eninzi yencindi kwaye ayinazo iintanga ezininzi. Kuxhomekeka kwisimo sezulu nengingqi yemveliso, isiqhamo sikhiwa ekuqaleni ukuya ekupheleni kobusika.

Malunga no 9% wendawo yayiphantsi kwe Lisbon, nangona u4%wayephantsi kwe Limoneira no 3% phantsi kwe Genoa. I-Lisbon, njengoko igama lichaza, isuka kwelase Portugal. Iyanyamezela ingqele kwintlobo ezine ezityalwa eMzantsi Afrika kwaye ivelisa iziqhamo ezirhabaxa kancinci nengono engavelanga kakhulu kune Eureka.

Isiqhamo sibaphakathi komthi, onceda ukukhusela iziqhamo kwisimo sezulu esiqatseleyo nokutsha lilanga, oku kwenza ixesha lokuvuna libe lifutshane.

I-Limoneira isuka e-Califonia. Ivelisa kakhulu kwaye inezinga eziphantsi lentanga kune Eureka. Isiqhamo zivuthwa ngokwaneleyo ukusuka ku April ukuya ku Julayi, kuxhomekeka kwindawo yemveliso. Imithi ingadibana neentlobo zengcambu zezinye izityalo.

Uhlobo lwe Genoa lisuka e-Italy luhlobo lakuqala eliphatha isiqhamo ezantsi emthini, oku kunceda ukukhusela iziqhamo zingatshi lilanga nesimo sezulu esibandayo. Imithi ayinawo ameva kwaye ingadityaniswa nentlobo ezahlukileyo zengcambu. I-Agricultural Research Centre eMzantsi Afrika yaseka ilemoni yokuqala kwihlabathi engenazo iintanga ngokuhlinza i-Eureka ngo 1998. Uhlobo olubizwa i-Eureka ™, kodwa ayizange ibenodumo kuba ayizange iqine okanye yomelele kwaye kunzima ukuyivuna kunentlobo ezineentanga.

Ixesha le Mveliso

Ixesha lemveliso lisuka kwinyanga ka Februawari ukuya ku Septemba, kuxhomekeka kuhlobo neemeko zesimo sezulu kummandla wemveliso.

Translated by Zikhona Plaatjie