Imveliso ye Lemoni

© Louise Brodie

Iilamuni zisuka kwela Mzantsi-Mpuma we Asia kwaye esisiqhamo sine citrus sihlonitshwe kakhulu ngoku kwazi ukupholisa izilonda kwamandulo. Iyasetyenziswa maxa wambi njenge yeza lokunceda kwityhefu. Mandulo eRome, iilamuni zazisetyenziswa njengokutya okumandi okutyiwa zizityebi kuphela, ngenxa yokuphilisa kwayo, ivumba elimnandi, nokunqaba kwayo. Ngokuhlolwa kwemvelaphi, kufumaniseke kokuba iilamuni zisuke ekudibaneni kweziqhamo -i-orenji emuncu kunye ne citron.

Imveliso ya Mazwe Angaphandle

©Louise Brodie

Ilizwe lase India lihamba phambili kwimveliso ye lamuni lavelisa u 17% wemveliso yelizwe ngonyaka ka 2018, ngokuba kubonakaliswa ngu Tridge. Ilizwe lase Mexico lathabatha indawo yesibini, ngo 14% wemveliso. Kulandela ilizwe lase China ngo 13.2%.

Ilizwe lase Spain lelona lihamba phambili kwintengiso yangaphandle yee lamuni, phantse ku 18% wayo yonke intengiso yangaphandle ngonyaka ka 2018. Nangona kwakhona iMexico ithabatha indawo yesibini, ku 16% wentengiso yangaphandle. Ilizwe lase Turkey nase Mzantsi Afrika ngokulandelelana abanga u 9.6 no 9.4% wentengiso yangaphandle yonke.

Ilizwe lase United States lelona lithenga kakhulu kwamanye amazwe, ngapha ko 15% wentengiso yokuthenga kwamanye amazwe ngo 2018. Ilizwe lase Germany lilandele kufuphi ngemva ngo 11%, ngexesha ilizwe lase France nase Netherlands, ngalinye libanga u 7% wokuthenga kwamanye amazwe.

Imisebenzi

©Louise Brodie

Iilamuni zimuncu, akuqhelekanga ukuzitya zizodwa okanye zisekracakraca. Incindi namaxolo ziyathandwa kakhulu zinikeza incasa kwintlobo zokutya ezahlukileyo, ukusuka kwezibhakiweyo ukuya ukuya kwinyama ephekiweyo nemifuno nencindi ye saladi. Mzantsi Afrika, abathengi bentlanzi ne tshipisi zamazambane baye bafumane isigaqa ze lamuni nokudla kwabo.

Ilamuni ilunge kakhulu ekuthambiseni inyama kwaye inceda ukwehlisa amanqatha. Ingasetyenziswa ukwenza imarmalade okanye iziqhamo ezomisiweyo zathanjiswa ngeswekile. Ngaphandle koku, incindi isetyenziswa ukwenza iziselo, ezifana ne lemonade, iti, no tywala. Amacwecwe we lamuni ayasetyenziswa ukuhombisa kwiziselo okanye ukunikeza manzi incasa.

Iilamuni zityebile kwizakha mzimba nee minerali, yiyo lonto ibonwa njenge yeza loku lungisa isisu, ukomeleza impilo, nokusetyenziswa ekuncedeni ingxaki zesikhumba. Abantu bathanda ukuyisela nezinye imveliso ezifana nobusi, iwiski ne cinamoni, njenge yeza lokulwa nomkhuhlane, lomxube waziwa ngokuba yi “hot-toddy”.

Zingasetyenziswa ukuvalela iziqhamo ezifana nama-apile zingajiki umbala ubemdaka, ngenxa yoku kwazi ukuqhuqha amafutha, iilamuni zisebenze njenge sicoci. Iimbiza ezitshileyo, umzekelo, zingaqatywa ilamuni ziyekwe ebusuku ukuze zivaseke lula. Ingasetyenziswa ukwenza i-inki engabonakaliyo okanye ukwenza impahla mhlophe, kwakunye nanje nge oli ebalulekileyo eluncedo.

Translated by Zikhona Plaatjie