uKwakhela uSapho Lwakho uBomi oBulungileyo

uFelicia Mfamana ubalisa ngo bomi bakhe base Kapa, nezi cwangciso zekamva zokubuyela kwi lali yakhe eMpuma Koloni.

iMali eNcinci

©Eric Miller

Ingeniso yase ndlini yayi suka kwi nkamnkam yam, isibonelelo somntwana, kunye nezibonelelo ezimbini zokujonga abantwana abangengo bam. Kwi veki yokuqala enyangeni ndithenga irayisi, ipapa (weet-bix) umgubo kamilimili, iswekile nayo yonke into abantwana abayidingayo esikolweni; kwiveki yesibini akusekho mali ishiyekileyo.

Siboleke iR200 kumhlobo, xa iphelile, siphinde siboleke kwakhona. Kufuneke siyibhatale xa imali yenkamnkam ingena. Isininzi sabantwana bam sasihlala emakhaya ukukhula kwabo. Unyana wam osaphilayo uSakhumzi, ngu titshala, uncedisa odadewabo ngokwe mali kuba abazange bafumane umsebenzi emakhaya okanye eKapa.

Nam ndiyabathumelela kule mali ye nkamnkam. uMzukulwana wam uSesethu, omnye wabazukulwana bam ohlala nam eKapa uneminyaka engamashumi amabini ananye ufunda ePentech edolophini.

Ndiyayivuyela kakhulu lonto. Waye nomsebenzi wokwenza udliwano ndlebe kubalo luka rhulumente loluntu kunyaka ophelileyo, kwaye wabhatalwa, kodwa andizange ndiyifune lomali kuba waye yidingela izinto zesikolo. Andimazi ufundela ntoni Kanye Kanye. Andiqondisisi. Endikwaziyo kukuba wenza lento afuna ukuyenza kwaye kulungile oko.

iZicwangciso zase Mpuma Koloni

©Eric Miller

Andifuni ukuhlala eKapa. Ndifuna ukubuyela eMpuma Koloni kuba kulapho ndisuka khona, apho kwakuhlala khona utata. Kodwa uronta owawokhiwe ngutata, endandikhulele kuwo wawusiwa. Asikwazi ukuhlala kuwo. Sihlala ebumelwaneni, kwi ndlu yesihlobo, ngoku sizama ukuyilungisa.

uNomanani, intombi yam endala, ehlala khona ulungisa phantsi kwaye siceba ukufakela ifestile ezinkulu necango elitsha,kuba lophukile olukhoyo. Sicwangcisa nokwakha ngezitena zokwenyani zitshintshe lendlu yenziwe ngezinki ecaleni kuka ronta. Unyana wam, uSkhumzi, lo uyi Titshala, uthe uzakuyokha.

Sele ezithengile izitena, sele zikhona eyadini. Silindele nje ukubona uzakuqala nini ukokha. Emveni koko sakuba nendawo eyanela usapho lonke xa lusiya kwii holide. uNomanani ufuna ndibuyele eMpuma Koloni, kuba ngalondlela ndingakwazi ukujonga onyana bakhe ababini, akhangele umsebenzi eKomani, akukho kude kakhulu.

Kodwa abanye abazukulwana bam base Kapa kwaye abafuni ukuya kuhlala eMpuma Koloni umphelo. Uyayazi banjani abantu abatsha. Bafuna ukubase dolophini, kuba imisebenzi ilapho, kwaye kulapho bonwaba khona.

Translated by Zikhona Plaatjie