iBali lika Makhulu – iSizathu soku Ncuma

uTenjiwe Tutu ubalisa ngolonwabo ebunzimeni, njengoku phila kindlu yesitena nokuya kwi qela le GAPA (Grandmothers Against Poverty and Aids).

iNdlu eNtle Yesakhiwo Sesitena

©Eric Miller

ngoku ndinaso isizathu sokuncuma. Ndinendlu entle esisakhiwo sesitena. Ndacela uThixo indlu yesitena, kodwa kwintliziyo yentliziyo zam ndandisoyika ukufela etyotyombeni. Wathi umbutho we People’s Housing xa wayezokundixelela okokuba ndiwise ityotyombe, kuzakwakhiwa indlu emhlabeni, ndandivuya kakhulu. Ukuzokuhlala endlwini yayi liphupha. Kunzima ukuphila etyotyombeni.

Xa kukho umoya, awulali ngokuba ucinga umoya uzakuvuthuza. Kwaye apha eKapa kubakho umoya iiveki zilandelelana. Omnye wonyana bam wavuka ebusuku abambelele kwi pali, ukuze zingaphaphatheki nomoya. Awulali kamnandi xa kufuneka ubambe ityotyombe lakho ebusuku.

Kwathi kusaku netha imvula, kwanyanzeleka sibeke ipheyile ebhedini yethu ukuze imvula ingamanzisi iingubo zethu, kwaye xa kubanda phandle, ibangumkhenkce etyotyombeni. Zininzi iintakumba, ngenxa yesanti yase Kapa.

Ngokuya sasihlala eSite C, into yokuqala esasiyenza xa singena emnyango yayiku goba, siqale ukonwaya imilenze, sasi sithi, ‘Into yokuqala ekubulisayo xa ufika endlini zintakumba. ‘ngenye imini, ndise Site C, ityotyombe lam latsha kwaye asashiyekelwa nayenye into. Lento ke yenzeka kubantu abaninzi.

oYena Mntu Kuxhomekekwe Kuye

©Eric Miller

Enye yentombi zam yasweleka. Ndandisele ndihlala nenye intombi yam nonyana, nabazukulwana ababini. Unyana wam wayesela utywala, kodwa ngoku unomsebenzi obhadlileyo usebenzela urhulumente, ucoca idreyini nezindlu zangasese , de angene kwimibhobho ecocacyo.

Walolongwa ukwenza lomsebenzi kwaye naye uyavuya esebenza, kuba iminyaka emithathu wayengasebenzi. Kodwa utyala abantu abaninzi mali kwaye bayithatha emvuzweni wakhe. Intombi yam iyabamba ngokomsebenzi ngamanye amaxesha, kodwa ubhatalwa amakhulu ambalwa nge nyanga, ayichithe yonke ekukhweleni uloliwe ukuyokufika emsebenzini.

Ayilunganga lento. Kodwa ke, ndim oxhasa usapho ngoku. Ndine nkam nkam kwaye kwi GAPA ndithunga ijezi nge wulu nonodoli ndenze noku khrosha. Abantu bayazithenga izinto endizenzayo kwaye, sifumane imali. Ngamanye amaxesha asinako okwaneleyo kokutya kubenzima ukuxhasa usapho lonke. Kodwa ke Ubomi akukho nzima njengakuqala, kwiminyaka edlulileyo. Ndizama ukubeka iinzima zam zam zakudala emveni kwam, ndijonge phambili.

Translated by Zikhona Plaatjie