uHambo oLuya eCofimvaba eMpuma Koloni

uJo- Anne Smetherham ubalisa ngokuthabatha uhambo oluya kwi kwikhaya lika makhulu uFelicia Mfamana we GAPA (Grandmothers Against Poverty and Aids) eCofimvaba, eMpuma Koloni eMzantsi Afrika.

iZindlu Zobuntwana

©Eric Miller

Sathabatha uhambo oluya eMpuma Koloni siyoku khangela uFelicia Mfamana, ukubona indawo apho omakhulu be GAPA (Grandmothers Against Poverty and Aids) bakhulele khona. Isigqibo yayise sokuba uFelicia uzakudibana nathi ngaphandle kwe banka yakwa ABSA ekungeneni kwilali yase Cofimvaba.

Ukufika kwethu, sabona indawo yokuthenga enee venkile, ngaphandle kwe banka kukho umntu othile. Ekudeni, wayekhangeleka emncinci enokuba ngumntwana womnye womakhulu. Kodwa lomfazi wayenxibe ibharethi embala o”purple” esasibone uFelicia eyinxibile, kwaye ngokwaneleyo, kwathi kanti nguye.

‘Owu andisavuyi nifikile,’ watsho, evuya, wasazisa kummelwane owayekhangeleka ezibuza ngathi edlula. Saqhuba imoto yethu yemboleko, indlela igingxigingxi ukuya kwilali apho ahlala khona. Yindawo eyodwa abantu abanga fikeleli kuyo ngee cawe, xa itekisi zingekho, okanye xa kunetha. Ukusuka kwikhaya lakhe lezinyanya, uFelicia ubona kakuhle kwindawo apho ikhoyo le lali. Lendlu isentabeni, ingca iyehla.

Ekudeni lihlathi apho intombi yakhe, uNomanani ichola khona iinkuni rhoqo ngeveki, eze nenyanda ekhaya isentloko, emveni kwelo hlathi zintaba. Orontabile bangqunge ikhaya lakhe, bakalikwe “turquoise”, “pink” namthubi, lomibala igqamileyo yee lali zase Mpuma Koloni.

Kuthe cwaka, ngaphandle kwengxolo yentaka engceni, umoya ovuthuzayo, kwaye ngamanye amaxesha ukubulisa abamelwane abagqithayo. Indawo engqungileyo intle, kodwa abakwa Mfamana, njengaba ninzi eMpuma Koloni, bahlupheke kakhulu.

uKubhideka Phakathi Kwama Khaya

©Eric Miller

uFelicia unosapho ekapa, kunye nalapha elalini, ekufuneka encedile ukulikhulisa. Ubhidekile phakathi kwawo omabini. Indawo ahlala kuyo eKhayelitsha ihluphekile, isitalato sakhe sigcwele izindlu, kwaye ubundlobongela kubhokile, utsho. Intliziyo yakhe ikwi lali yakhe, kodwa abantwana eKapa bayamdinga nabo.

Exesheni samsa kudade wabo kwilali ekufuphi. Imoto yethu yathi isakunga kwazi ukunyuka amagingxigingxi endlela samshiya. ‘kulungile, akukudanga kakhulu,’ watsho, ubuso bakhe buqaqambe kakhulu. Sambukela esehla induli, aphinde onyuke, ekhawuleza ezimisele, ngamandla amanye, landlela azimisele ngayo siyiqhelileyo.

Kwakuse kudana, kodwa isinqe sakhe saba sincinci kulomgama sasisakwazi ukuwubona, ngenxa ye bharethi yakhe e”purple”.

Translated by Zikhona Plaatjie