Ukutyalwa Kwe Lavender

© Louise Brodie

Ukwandiswa

Ukwandiswa kwe lavender kungenziwa ngokutyalwa kwe mbewu, kodwa maxa wambi oku kuye kukhokelele kwiingxaki. Abatyali bambi baye bakhethe ukutyala izithole. Ilavender eveliselwa intengiso kubangcono xa kutyalwe izithole ezisuka kwiindawo ethembakeleyo.   

Indlela Yokutyala

Ukutyalwa kwe lavender ngamafama entengiso asele ephuhlile, kuvamise ukwenziwa ngokutyalwa kwezithole ezikhuliselwe kwindlu yokutyala (greenhouse). Oku kunika abavelisi ulawulo lokuxinana kwesityalo kunye nokukhula ngokulinganayo kwezityalo. Izityalo ze lavender zingatyalwa ngesandla okanye ngomtshini wokutyala. 

Ukuqelelanisa

Izityalo kufanele ziqelelaniswe malunga nama 50cm kwimiqolo eli 100 cm ukuya kuma 120 cm ukuqelelana. Kuxhomekeka ke, kwintlobo yemitshini eza kusetyenziswa kwintsimi leyo. Esi sisibalo esimalunga nama 16 000 ukuya kuma 20 000 ezityalo ze lavender kwi hekthare nganye. Enza indledlana zokuhamba imitshini kunye neetrekthara ukuze abaphathi nabavuni bakwazi ukuhamba hamba phakathi kwezityalo.

Ixesha Lokutyala

Elona xesha lilungileyo lokutyala ilavender lela se kwindla, ngoko ke, eMzantsi Afrika la maxesha asekupheleni kwenyanga ka Matshi ukuya ekuqaleni kwenyanga ka Epreli. La maxesha aqinisekisa ukuba izithole zakho ziphuhla ngokokwaneleyo ngaphambi kokuba kufike ubusika. Ze kuthi kufika intwasahlobo zibe sele zomelele kwaye zimilile kakuhle nasemhlabeni. 

Hlwayela imbewu ye lavender kwiitreyi zembewu, uze uzibeke kwiindawo ekhuselekileyo okanye kwi greenhouse. Ungazityala ngenyanga ka Juni kuzakuthi kufika intwasahlobo izithole zibe sele zomelele ngokwaneleyo ukuba zingaya kutyalwa entsimini. Izithole zivamise ukomelela ngokwaneleyo kwiiveki ezisibhozo emva kokutyala imbewu. Izithole zisenokutyalwa ekuqaleni kwexesha le ntwasahlobo. eMzantsi Afrika, ungatyala ekupheleni kwenyanga ka Agasti okanye ekuqaleni kwenyanga ka Septemba kanye emva kweeqabaka zokugqibela.

Isithuba Sokukhula

Iiveki ezilishumi elinesibini kwi greenhouse kufanele zivelise izithole ezomeleleyo ukuba zingaya kutyalwa entsimini. Abavelisi abaninzi baqala ukuvuna ilavender ngonyaka wesibini wexesha lasehlotyeni. Maxa wambi ukuba kutyalwe ngexesha lase kwindla,kungabe sele kuphume izithole zokuqala kwihlobo elilandelayo. 

Ukusuka kunyaka wesibini, isivuno sesibini singenziwa ngaphambi kwexesha lase kwindla. Kunyaka wesibini kungavunwa isivuno esikhulu. Izityalo ze lavender kanye njengezinye iiherbs ziyaqina kwaye zibe krwaba krwaba ngokuye ziba ndala. Ngoko ke, kufuneka unonophele ukuze ungonakalisi isiqu sesityalo, njengoko sisenokufa. 

Isichumiso

Musa ukuyichumisa ngokugqithisileyo ilavender. Ngaphambi kokutyala kufuneka kutyatyathwe, isampuli yomhlaba ize ithunyelwe elaboratory ukuze iye kuhlolwa. Oku kuzakuchaza uhlobo lomhlaba nezinongo ezidingwa ngumhlaba lowo kuza kutyalwa kuwo. 

Ngokomkhomba, ungalandela le ngcebiso ilandelayo xa ungenakho ukuya kuhlolisa umhlaba wakho. Ungaqale ugalele ama 250 kg we 3:1:5 uwadibanise kuma 20 cm omhlaba ongaphezulu, ngaphambi kokuba utyale izithole ze lavender. Oku kuzakunika izithole ezitsha isiqalo esihle sokuba zimile  ngendlela. Kwiinyaka ezili 12 zokuqala, kubalulekile ukuba ugcine izityalo zikhula, ngoko ke ungaphinde ugalele ama 200 kg we 3:1:5 apha kwimiqolo yezityalo. Ungagalela isichumiso kubekanye ngenyanga ka Novemba, uphinde futhi kube kanye ngenyanga ka Matshi. 

Xa sele uqalile ukuvuna kucetyiswa ukuba ugalele izichumiso kancinci rhoqo emva kokuvuna. Xa unkcenkceshela ngohlobo lwe drip, kufuneka kugalelwe isichumiso esingamanzi kula manzi kunkcenkceshelwa ngawo. 

Ukunkcenkceshela

Isityalo se lavender sisityalo esinokomelela kwaye asidingi manzi maninzi. Ukuba sityalwe ngaphandle kokufakela imibhobho yokunkcenkceshela, amanzi emvula amalunga nama 800 mm onyaka wonke kufanele ukuba anele. 

Ukufakelela izixhobo zokunkcenkceshela kuyasinyusa isivuno kwindawo apho imvuna ingafane inethe, ingakumbi ngeenyanga zehlobo. Ukufakela izixhobo  zokunkcenkceshela ezihlala zinkcenkceshela kuyalinyusa inani lesivuno, kwiindawo apho ezifane zinethe. Ingakumbi ngethuba leenyanga zasehlotyeni. Unkcenkceshelo lohlobo lwamanzi achaphazayo (drip) lolona lungcono, kodwa ke ungankcenkcesheli ngamandla njengoko oku kubangela izifo zeengcambo, nto leyo iye inciphise umgangatho we oli (essential oils).

Ngokuxhomekeke kwiintlobo zomhlaba kunye nemozulu, isibalo sokunkcenkceshela siyaxhomekeka ngokweentsimi. Isibalo esilungileyo siphakathi kwe 15 kuma 20 mm ngeveki ngeveki kwiinyanga zehlobo. Kungancitshiswa okanye kuyekwe ukunkcenkceshelwa ngethuba leenyanga ezipholileyo okanye ezipholileyo zonyaka. Musa ukunkcenkceshela kwiveki eyandulela ukuvuna. Kodwa ungankcenkceshela kanye xa usandula kuvuna ukubuyisela umhlaba kubumanzi bawo, ukuze unciphise noxinzelelo emhlabeni. 

Kucetyiswa ukuba ufakele izixhobo zokugada ubumanzi bomhlaba, ukuze uhlale usazi ukuba umhlaba wakho womile okanye umanzi kakhulu. 

Ulawulo Lokhula

Kubalulekile kakhulu ukulawula ukhula kwintsimi yakho. Ungalu siphula ngesandla okanye ngokusebenzisa imitshini. Kusenokondlalwa neplastiki phakathi kwemiqolo yezityalo okanye kondlalwe ingca ukuthintela ukuntshula kokhula. Izityalo ezixineneyo nezinkcenkceshelwa nge drip, ziyawukhusa umhlaba elangeni, nto leyo iye inciphise ukuntshula kokhula. Ukuba amafama ayazimfaxangela ngokwawo i-oli, amakhatshu ashiyekeleyo angasetyenziswa ukondlala phakathi kwemiqolo yezityalo.

Translated Zizipho Silwana