Ulawulo lweSityalo seLavender

Isivuno - Iilitha zamafutha kwi hekthare nganye ngonyaka ngamnye

©Louise Brodie

Ngokwesiqhelo
English Lavender Iintyatyambo Ezomileyo: 1 toni
Lavandin Iintyatyambo Ezomileyo: 3 tonnes
English Lavender Oil: 8 litres
Lavandin Oil: 30 litres

Esiphakathana
English Lavender Iintyatyambo Ezomileyo: 2 iitoni
Lavandin Iintyatyambo Ezomileyo: 5 tonnes
English Lavender Oil: 15 litres
Lavandin Oil: 60 litres

Esihle
English Lavender Iintyatyambo Ezomileyo: 4 iitoni+
Lavandin Iintyatyambo Ezomileyo: 10 tonnes+
English Lavender Oil: 20 litres+
Lavandin Oil: 150 litres+

Ukuvunwa

Ilavender ingavunwa ngesandla okanye ngemitshini; kuxhomekeka kumlinganiselo wentsimi. Kwintsimi ezincinane, kuvunwa ngesandla; ze kwezinkulu kuvunwe ngemitshini. 

Kwimveliso eyomileyo: Kwimveliso ye lavender eyomileyo, ingaqaliswa ukusikwa xa sele kuvele iintyatyambo ezaneleyo ezinokuvunwa. 

Kwimveliso ye oli (essential oil): Ezona oili zilungileyo ziphuma kwiintyatyambo ze lavender ezivunwe kanye phambi kokuba zidubule ngokupheleleyo. Eli lilixa apho ioli ekwi sityalo isenintsi khona. Imveliso ezeleyo ingalindeleka ukusuka kunyaka wesibini okanye wesithathu emva kokutyalwa.  

Ukugcinwa

Essential oil: Gcina ibhotile ye oli kwindawo eyomileyo, epholileyo nemnyama malunga nesithub sonyaka okanye iinyanga ezili 18 emva kokuyifaka ebhotileni. Kungcono kusetyenziswe ibhotile zegilasi ezimnyaa ukukhusela i-oli ingonakaliswa kukukhanya. I-oli endala ibonakala ngoku ngawenzi ngendlela umsebenzi wayo, iphelelwe nalivumba. 

Izonakalisi neZifo

iLavender ayinazonakalisi nazifo njengoko ivumba layo lizigxotha izinambuzane. Kodwa ke, kungcono kulandelwe imigaqo yokhuselo lwesityalo oyinikwe yi extension officer okanye i-agronomist. Oosomashishini abakufuphi nawe abathengisa iikhemikhali bavamise ukuba neenkqubo ezifanelekileyo okanye bangakunika iingcebiso ezifanelekileyo mayelana nabacebisi abahamba phambili abakufutshane nendawo yemveliso. Ukubola kwengcambu kufanele kugadwe. Kuye kubangelwe ngumhlaba odame ngamanzi ezingcanjini zesityalo. 

Translated by Zizipho Silwana