Ukutyalwa kwe Jinja

© Louise Brodie

Ukwandiswa

Ukwandiswa kwe jinja kungenziwa ngokutyala amagaqa ejinja ebethathwe kwisivuno esidlulileyo. Amagaqa okutyala asenokuthengwa nakubathengisi okanye kwii nursery.

Indlela Yokutyala

Igaqa le jinja liqhekezwa libezii ngceba, ze ezingceba zisetyenziswe njenge mbewu. Ezi ngceba kufanele zibemalunga nama 50 g ukuya kuma 75 g ngokomlinganiselo, kwaye zityalwa kumhlaba olungiselelwe ukutyalwa kubunzulu obuyi 15 cm.

Ukuqelelanisa

Izityalo zejinja kufanele ziqelelaniswe kangangama 25 cm kwimiqolo eqelelane kangangama 30 cm. Oku kulingana nezityalo ezimalunga nama 100 000 ukuya kuma 120 000 kwi hekthare nganye. Iindlela zokuhamba iitrekthare kunye nezinye izixhobo, zithi zishiywe emva kwemiqolo embalwa. Kwaye ezindlela zixhomekeka kububanzi bezi trekthare okanye izixhobo zokuvuna ezizakusetyenziswa.

Ixesha Lokutyala

Tyala ijinja ekuqaleni kwentlazane ukuya ekuqaleni kwehlobo. EMzantsi Afrika, lamaxesha asekupheleni kwenyanga ka Agasti ukuya kweka Okthobha.

Ixesha Lokukhula

Ijinja ithatha iinyanga ezisibhozo ukuba kwezilithoba ukuze ivelise amagaqa alungele ukuvunwa okokuqala ngenyanga zika Epreli no Meyi. Le ke ijinja ilungiselelwa ukuthengiswa injalo. Isenokuyekwa ivunwe kwisithuba esingangonyaka emva kokuba ityaliwe pha kwiinyanga zika Juni no Julayi. Le jinja iyekwe ixesha elide ingavunwa ingathengiswa ingamagaqa kodwa isenokomiswa icolwe okanye isetyenziswe ukukhutshwa ii-oli.
Ijinja evunwa kwangethuba yona ivunwa ngeenyanga zika Februwari kunye nasekuqaleni kweka Matshi. Ivunwa ke kwiinyanga ezintlanu ukuya kwezintandathu emva kokutyala amagaqa, phambi kokuba lamagaqa afumane ixesha lokukhula ifaybha. Ijinja evunwe kwangethuba ivamise ukuvunwa ngesandla ukuthintela ukonakalisa nokuxobula amagaqa kwaye isetyenziswa ekugcineni ukutya kulungile ixesha elide.

Ukuchumisa

Xa ijinja ilinyelwe intengiso, idinga isichumiso esininzi kuba izityalo ziyaxinaniswa ukuze kufunyanwe isivuno esikhulu. Njengesiqhelo ke, qiniseka ukuba umhlaba wakho uyahlolwa ukuze kubonwe ukuba ushota ngeziphi izinongo. Kucetyiswa nokuba ugalele umgquba okanye imanyolo engenazikhemikhali, wandule uhlakule. Oku ke kufanele ukwenze kwisithuba senyanga phambi kokuba ulime. Njengomkhomba ndlela, ungagalela izichumiso zakho ngalemilinganiselo ulandelayo:
Xa sele amagaqa sele ezinzile emva kokunkcenkceshela oko kuqala, ungagalela isichumiso esimalunga nama 350 kg kunye nama 500 kg kwi hekhtare nganye yama 2:3:4 (30). Ungawugalela umgquba kanye apha emacaleni emiqolo yezityalo ze jinja.
Oku ungakwenza emva kweveki okanye iintsuku ezilishum emveni kokutyala. Lo mxube ungaphinda uwusebenzise kwisithuba seeveki ezili 16 uphinde kwakhona emva kwezingama 24 emva kokutyala. Nika ingqwalasela yokukhula kwamagaqa ngalo lonke elixesha lokukhula kwesityalo. Ungatshiza ukuba uyathanda ukuqinisekisa ukuba izityalo zakho zikhula zisempilweni.

Ukunkcenkceshela

Kulicebo elihle ukugalela ingca eyomileyo apha kwimiqolo yezityalo. Oku kukhusela izityalo zingomi, ikwa thintela nokukhula kokhula. Ijinja ikhula kakuhle kwimimmandla enemvula ezinkulu. Ngoko ke, ukunkcenkceshela kubalulekile ngethuba izityalo zisakhula. Ungankcenkceshela umlinganiselo ophakathi kwama 45 mm kunye nama 50 mm amanzi, ngeveki. Kukwacetyiswa ukuba ufake omatshini abajonga ubumanzi bomhlaba (moisture sensors) oku kunceda ekubeni ukwazi ukulawula ubumanzi bomhlaba.

Translated by Zizipho Silwana