Ukulawulwa Kwesityalo se Jinja

© Louise Brodie

Ukutshintshwa Kwesityalo

Ukutshintshwa-tshintshwa kwesityalo kubalulekile, ukunqanda ukwanda kwezonakalisi. Akunyanzelekanga ukuba umhlaba kufuneka uqhubekeke nokuvelisa ijinja kwaye ukuba kukho inkqubo eyiyo yokukhuselwa kwezityalo iyalandelwa ukulwa nezonakalisi kunye nezifo.

Isivuno - iitoni kwi hekthare nganye

Ngokwesiqhelo: 20 iitoni
Phakathana: 35 iitoni
Esihle: 50 iitoni

Ukuvunwa

Ukuvunwa okokuqala kwejinja kuvamise ukubasekuqaleni kweyokwindla ngeenyanga zika Epreli kunye no Meyi. Kungaphinde kuvunwe okwesibini ngeenyanga zika Juni no Julayi xa sele amagqabi esityalo sele efile de oma. Ukuvunwa kokuqala kuvamise ukwenziwa ngomatshini. Kufuneka amagaqa ejinja avunwe onke ngoba azakuphinda akhule kwakhona xa imozulu iphinda ifudumala kwakhona.
Isivuno sokuqala sejinja esizakusetyenziselwa ukugcina ukutya kulungile kwaye akufanelanga ukuba ibene fayba, singavunwa kwiinyanga ezintlanu emva kokutyalwa. Ngeli lixa ingavunwa ngesandla ukuze kungonakali amagaqa ejinja. Lamaxesha ke avamise ukuba ngenyanga ka Februwari eMzantsi Afrika.

Ukugcinwa

Njengoko ijinja esandula kuvunwa isonakala msinya, amagaqa ejinja kufuneka anyangwe kanye emva kokuvunwa. Oku kungenziwa ngokuthi kuvuthelwe umoya ofudumeleyo kuma khreythi okanye imigqomo enejinja. Ukunyanga kuthatha isithuba esimalunga neveki enye. Ijinja ingagcinwa ilungile kangangeenyanga ezili 12. Amaqondo obushushu alendawo igcinwe kuyo kufanele abali 15°C nokufuma okungama 80%.
Izonakalisi kunye nezifo ezayanyaniswa nemveliso yejinja ziyashiyana ngokweendawo ethi ijinja leyo iveliswe kuyo kwihlabathi jikelele. Ezinye zeengxaki ezixhaphakileyo zikhankanywe ngezantsi.

Izonakalisi

Imibungu, iMealy Bug, Aphids kunye ne Shoot borer.

Izifo

iFusarium rot, iBacterial rot, iBacterial wilt kunye ne Leaf spot.

Translated by Zizipho Silwana