Ijinja

© Louise Brodie

Igama le Sayensi: Zingiber officinale
Igama Eliqhelekileyo: Jinja

Inkcazelo Ngesityalo

Ijinja ikhuliselwa amagaqa ayo anencasa. Phezu komhlaba esi sityalo sifana nehlahla le bamboo, kodwa sona sinamagqabi kunye nesiqu esithambileyo kunese bamboo.

Imisebenzi

Ijinja ingagalelwa ekutyeni kwaye isetyenziswa kuninzi lwezidlo zase Asia. Ingasetyenziswa ikrwada okanye ikhanywe amanzi ayo. Ingenziwa isiqhumisi okanye i-oli ethathwe emagqabini ayo kungenziwa ngayo iziselo, iipickles, iilekese kunye nezongi zokutya. Ijinja ikwasetyenziswa njenge yeza okanye isiqholo esinuka kamnandi.

Iimfuno Kunye Namalungiselelo Omhlaba

Ijinja ikhula kakuhle kumhlaba ofumileyo nokwaziyo ukufunxa amanzi. Imihlaba kufuneka ingabinazikhemikhali zininzi. Vunguza umhlaba kwisithuba senyanga phambi kokutyala. Qala usasaze malunga nama 30 m³ womgquba okanye imanyolo. Hlakula ufikelele kubunzulu obungama 500 mm ukusuka phezulu, uqinisekise ukuba umhlaba uxubene kakuhle nomgquba. Ze emva koko ulungisa omandlalo bokutyala. Oku kuvamise ukwenziwa ngegama eliyi diski, nomhlaba wenziwe ubezizidulana zokutyala nalapho amagaqa ejinja atyalwa khona.

Imozulu

Ijinja ikhula kakuhle kwimozulu efudumeleyo enendawana efumileyo, nalapho amaqondo obushushu ahamba phakathi kwama 28°C kunye nama 34°C. Iyakholwa yimvula ngethuba ikhula, ngoko ke kufuneka inkcenkceshelwe ngokwaneleyo ukuba akukho zimvula. Imveliso yejinja ixhaphake kakhulu kwimimandla enetha kakhulu kwakunye naleyo inganqatyelwayo ziimvula apha ehlabathini jikelele.

Iindidi ze Sityalo

Ijinja etyheli enomphakathi otyheli kunye ne jinja emhlophe enomphakathi omhlophe zezona zityalwa kakhulu. Ezinye iindidi zi Jamaica Oya, kunye ne Hawaiian.

Translated by Zizipho Silwana