Usasazo lwe chives lwenziwa kwimbewu. Izityalo nengcambu yezityalo zingohlulwa zityalwe ngedlela efanayo nezithole.
Ukutyala kwabathengisi abakhulu ngesiqhelo kwenziwa ngokuthi kutyalwe izithole ngqo okanye izithole ze chives, izithole zityalwa malunga no 1.5 mm ubunzulu. Imbewu ye chives iyadubula ze ivele kwintsuku ezisixhenxe ukuya kwezilishumi kwaye izithole zingakhutshwa zityalwe emasimini emveni kweveki ezine ukuya kwezintlanu. Xa uhlwayela ngqo, kuyacetyiswa okokuba kuhlwayelwe kabini imbewu efunekayo ze uyinciphise xa kunyanzelekile. Ukutyalwa kwenziwa ngomatshini okanye ngesandla, kuxhomekeke kubungakanani bentsimi.
Tyala ichives ziqelelane ngo 15 m kwimiqolo eqelelene ngo 20 cm. Esi ke sisi tendi sezityalo ze chives ezingama 400 000 ngokwe hektare. Iindlela ze teletele ziyenziwa ukuncedisana nolawulo kunye nokuvuna.
Hlwayela imbewu ye chives ngqo entsimini kwangethuba ngexesha lonyaka lase ntwasahlobo okanye ekwindla. Kweli lase Mzantsi Afrika oku kwenzeka ekuqaleni ku September okanye April. Ukutyala izithole ze chives kungenziwa ngelixesha linye. Izityalo ebezihleli zikhona zingohlulwa zityalwe ngaphandle.
Abavelisi abangaba thengisi baqala ukuvuna amagqabi we chives ezisentsha ukusuka kwiveki ezintlanu ukuya kwezintandathu ukususela ngxesha lokuhlwayela. Isityalo ze chives zingavunwa iminyaka emibini ukuya kwemithathu kwaye kufuneka zohlulwe zityalwe ngaphandle. Abanye abalimi abathengisayo bayaphinda batyale izithole rhoqo ngonyaka.
Phambi kokutyala, kufuneka uthabathe isampula yomhlaba ze uyithumele apho izakuthi ihlolwe khona. Oku kuzakuchaza uhlobo lomhlaba kunye nezidingo zesondlo kwisityalo esilungiselelwayo.
Isikhokhelo nje, ezingcebiso zilandelayo zingasetyenziswa xa umhlaba ungakhange uhlolwe. Ukuqala ngoku faka u 300 kg ye 3:1:5 ingasasazwa ifakwe ngaphezulu kumhlaba ku 15 cm ukuya ku 20 cm womhlaba phambi kokuhlwayela. Oku kunikeza izityalo ezintsha isiqalo esilungileyo sokuba zizikhulele. Kungcono ukuqwalasela ukukhula ze ugqibe okokuba kudingeka initrogen eyongezelekileyo ukuze uncedise ukukhula. Umlinganiselo ofanayo wesichumisi ungafakwa ngokunkcenkceshela nge driphu emveni kokuba imbewu idubulile izityalo sele zivelile. Chumisa nge 250 kg ye hektare LAN emveni kokuba kuvuniwe.
Inkoliso yabalimi abathengisa ichives bafaka idriphu yokunkcenkceshela kuba yona ikulungele ukuqwalasela ulawulo lokufuma komhlaba. Akufunekanga zinkcenkceshelwe kakhulu izityalo ze chives, kwaye umhlaba kufuneka uvunyelwe wome kuqala ze unkcenkceshelwe kwakhona. Ukuze uvelise amagqabi amatsha, qinisekisa okokuba isityalo sinkcenkceshelwe kakuhle. Ungankcenkcesheli kakhulu kuba oku ngenza isifo kwingcambu ezikhula imbewu okanye izifo zamagqabi. Kungcono ke ufakelwa izixhobo zokuhlola ukufuma komhlaba ukuqhubeka ujonge umhlaba.
Kuxhomekeke kuhlobo lomhlaba kunye nesimo sezulu, unkcenkceshelo olwaneleyo luba phakathi ko 25 no 30 mm ngeveki kwaye ifakwe kanye ngenyanga zehlobo ezishushu nokwehlisa unkcenkceshelo ngenyaka ezipholileyo okanye amaxesha onyaka anemvula. Imihlaba enzima inga nkcenkceshelwa rhoqo ngeveki ezimbini. Zama ungankcenkcesheli ngqo phambi kokuvuna kodwa nkcenkceshela ngoku khawuleza emveni kokuba kuvuniwe ukubuyisela ukufuma okufunekayo xa ufuna ukukhuthaza izityalo ziphinde zivelise kwakhona.
Translated by Zikhona Plaatjie