Ulawulo LweSivuno Se Chives

© Louise Brodie

Umyinge - Iitoni ngokwe Hektare Ngonyaka

Umyinge oqhelekileyo ngokwe hektare uqikelelwa ku 16 we toni.

Ukuvuna

Ukuvunwa kwe chives ezithengiswayo kwenziwa ngoomatshini. Kwindawo zemveliso ezivelisa isivuno esincinci nakwizindlu ezikhuselekileyo zokukhulisa izivuno (greenhouses) kungavunwa ngesandla nangona kuye kubelixabiso eliphezulu oku. 

Qala ukuvuna kwakusasa xa ilanga lingeka tshisi kakhulu, kodwa emveni kokuba amagqabi sele womile. Ukuvunwa kwamagqabi angaphandle kungaqalwa kwangeveki ezilishumi (10) emveni kokutyala imbewu. Abathengisi abanentengiso ezinkulu bayalinda ixesha elide kancinci ze balime ngexesha elinye, banqumle isixa sibe ngu 3 ukuya ku 5 cm ngaphezulu komhlaba benze nezixa zibengumlinganiselo ofunekayo. Xa kuvunwe ngesandla kungaqalwa ngokuvunwa kwamagqabi angaphandle asuswe kuqala okanye isixa sonke singanqunyulwa ze zibekwe ngobungakanani. 

Ukugcinwa

Imveliso esentsha: Emveni kokuvuna gcina ichives ezisentsha ku 2℃. Iichives zingagcinwa iintsuku ezintlanu (5) ukuya kwezisixhenxe (7). Eyona nto ibalulekileyo kukugcina amagqabi womile kwi bhegi ezivalekileyo. Imifuno iyakhawuleza ukuphulukana nencasa, kungcono ukuthengisa nokuzi sebenzisa ichives ezisandula ukusikwa ngoku khawuleza.

Ichives ezisentsha zinga nqunqwa zigcinwe kwibhegi ezivaleka ngokupheleleyo zifakwe kwisikhenkcezisi.

Iinkumbi

Aphids, Cutworms, Root maggots, ne Thrips zinkumbi eziqhelekileyo.

Izifo

Botrytis, Downey Mildew, Pink Rot, ne White rot.

Kungcono ukulandela indlela yokukhusela izityalo ngokuchazwa ngulowo usebenza ngezityalo okanye osebenza ngembewu. Umthengisi walongingqi uvame ukuba namahlelo alungileyo okanye anganikeza ulwazi kubacebisi abafumanekayo abakufuphi kwindawo yemveliso.

Translated by Zikhona Plaatjie