iChives Ngoku Phangaleleyo

© Louise Brodie

Ichives zaziwa ngokuba zisuka kwelase Asia nase Ntshona yase Europe. Namhlanje ichives zilinywa kwilizwe jikelele. 

Igama le sayensi: Allium schoenoprasum
Igama eliqhelekileyo: Chives

Inkcazelo Yesityalo

Ichives zihlobene netswele kwaye zinamagqabi afanayo nawe tswele kodwa awazo athambile. Amagqabi abu bume obunamacala angqukuva, anzulu, aye encipha ekugqibeleni. Isityalo singakhula malunga ne 50 cm kwaye zinentyatyambo embala omfusa ombatshileyo.

Imisebenzi

Ichives ziyasetyenziswa xa kuphekwayo nakwi saladi ezingaphekwayo. Ichives zingasetyenziswa kwi oli ukwenza incasa.

Imfuneko Zomhlaba Kunye Nokuwu Lungisa

Ichives zikhula ngcono kwimihlaba engaxutywanga, etyebileyo ehluza kakuhle. I-pH yomhlaba kufuneka ibephakathi ko 6 no 7.

Phambi kokuba kulungiswe umhlaba, kufuneka kutyathwe isampula yomhlaba ithunyelwe elaboratory ukuze ihlolwe kwaye kunikezwe ingcebiso zezinongo. Umhlaba kufuneka ungaxinani iprofile yomhlaba ibengu 500 mm. ilamuni yokulungisa pH nomgquba okanye isichumisi kufuneka zifakwe ze ikhofolelwe ngaphezulu komhlaba 400 mm yomhlaba kwiveki ezine ukuya kwezintlanu phambi kokutyala. Kwintsuku zokugqibla phambi kokutyala, yongeza izinongo kunye nezichumisi ezifakwa phambi kokuba kutyalwe emhlabeni ze ukhofole ngekhuba ngaphezulu komhlaba malunga ne 20 cm. Oku kususa lonke ukhula elithe lakhula.

Umhlaba ungalungiswa kwelinqanaba kwaye nebhedi zezityalo zilungiselelwa ukutyala. Ukuba kutyalwa izithole, kungafakwa iplastiki yondlalwe phambi kokuba kutyalwe ukuze kulawulwe Ukhula lingakhuli lodlule izityalo ezisencinci.

Isimo Sezulu

Ichives zikhula ngcono kwisimo sezulu esipholileyo kwaye zikhula kakhulu kwindawo ezinobushushu obuphakathi ko 18℃ no 28℃. Ichives ziyanyamezela kwikhephu, kodwa ke, zikhula kade xa amaqondo obushushu esezantsi kakhulu.

Izilimo

Ichive zezona zixhaphakileyo. Zikhona iintlobo ezintsha onokukhetha kuzo ezivelisa imveliso yamagqabi aphezulu. Iintlobo zase Finland ezibizwa nge “Hankoniemi”, intlobo ezibizwa “Tavallinen” kunye nesivuno sama German esibizwa ngokuba yi “Grolau” zezinye zentlobo ezivelisa isivuno esikhulu.

Translated by Zikhona Plaatjie