uKutyala iBeetroot

© Marinda Louw

uKusasazwa

ukusasazwa kwenzeka kwimbewu.

iNdlela Yoku Tyala

Ibeetroot ityalwa ngqo kwindawo yokutyala ngo 20 mm ukuya ezantsi. Imbewu ityalwa kwimiqolo engange 20 cm ukuqelelana, kwaye ekuqaleni 2 cm ukuqelelana xasele zisekiwe zisikwe ezinye esele zivelile izithole. Ezizityalo zingasetyenziswa ukuvala izikhewu. Imbewu ingatyalwa kwi treyi yembewu, yakukhula imbewu ngo 10 cm ingakhutshwa. Le ke ayivamanga ukwenziwa ngamafama amakhulu njengoko imveliso ifuna izityalo ezingama 500 000 yezityalo ngokwe hectare, kwaye iyabiza lendlela.

iZikhewu

izityalo kufuneka zihlukane ngomgama ongu 5 ukuya kwishumi (10) le cm ukuqelelana kuxhomekeka kubungakanani kwe beet ezifunekayo. Zityalwa ngemiqolo engu 20cm ukuqelelana. Kushiywa indawo yokuhamba amavili nabasebenzi kufuneka kushiyeke 600 000 ukuya ku 800 000 yezityalo nge hectare. Kwakhona oku kuyashiyana kumvelisi ngamnye kuxhomekeke okubeni injongo yesivuno ithini.

iXesha Lokutyala

iBeetroot ingatyalwa unyaka wonke phantsi kwesimo sezulu esiphakathi ngobushushu. Kodwa ke ezona zivuno ezichumileyo eMzantsi Afrika zityalwa ukususela ngo August ukuya ku December.

Ixesha Lokukhula

©Louise Brodie
Zinyanga ezimbini (iiveki ezisibozo) kwi beets ezincinci ezingu 40 ukuya ku 50 mm ububanzi nenyanga ezintathu (iveki ezilishumi elinesibini) kwi beets ezinkulu ezingu 60 ukuya ku 70 mm ububanzi. Xa ziyekwe ixesha elide emlabeni zingaqala ukuqina kwaye umgangatho we ntengiso esentsha uyaphela.

iZichumisi Zomhlaba

phambi kokutyala nangexesha lokulungisa umgquba kwi bhedi zokutyala, nokufaka umgquba wee nkukhu ungenziwa apha ngaphezulu komhlaba ku 200 mm. emveni kokutyala, amaxolo angaxutywanga angafakwa kulendawo ityaliweyo. Xa isityalo siqala ukuphuma kwiveki ezintathu faka u 400 kg ye LAN okanye isichumisi esilinganayo esingamanzi. Emveni kwe veki ezintathu, faka umlinganiselo ofanayo we nitrogen olingana nale yakuqala ngomlinganiselo we Potassium Nitrate.

uKunkcenkceshela

©Marinda Louw
Nkcenkceshela kancinci emveni kokutyala ukuqinisekisa umhlaba ufume kakuhle. Musa ukunkcenkceshela kakhulu njengoko oko kuzakuphazamisa usasazo. Umlinganiselo ongange 25 mm kwintsuku ezilishumi zokuqala wanele. Xa izityalo ziqalisa ukuvela phakathi ko 35 no 50 mm ngeveki ingalizinga lokuncenkceshela. Umlinganiselo ophezulu we 50 mm ngeveki uyadingeka xa ubushushu namaqondo omophu ephezulu.

Translated by Zikhona Plaatjie