I-Beetroot

© Chris Daly

Igama le sayensi: Beta vulgaris
Igama eliqhelekileyo: Beetroot okanye Beet

Inkcazelo Yesityalo

I-Beetroot sisityalo esithatha iminyaka emibini ukukhula ngokupheleleyo.kunyaka wokuqala kulapho ithi ivunwe khona, ivelisa amagqabi abubume obufana nentliziyo kumthi omfutshane ongange 10 ukuya ku 15 cm kunye neengcambu ezidumbileyo ezibizwa ngokuba zi ‘beet’ inkoliso yazo iyatyalwa kunyaka wesibini wokukhula, xa zithe zayekwa emhlabeni ziyadubula zivelise imbewu.

Imisebenzi

Amagqabi we beetroot angaphekwa kwaye asetyenziswe endaweni ye spinach futhi ke aphezulu ku vitamin A. I-Beet yona ityebile ku vitamin C kunye ne anti-oxidants. Angaphekwa atyiwe aseshushu okanye ebanda njenge saladi. Ayakwazi nokukhanywa enziwe isiselo.

Imfuneko Zomhlaba Nokuwulungisa

Umhlaba onesanti nodaka ngowona ulungileyo.umhlaba kufuneka ubenzulu kwaye ukhameke. Imihlaba enodaka kufuneka ibekelwe kude. Imihlaba ene acidi ne pH engaphantsi kwesithandathu awukulungelanga ukutyala. Umhlaba olungileyo kufuneka ubephakathi kuka 6.2 no 6.8 ibeets ziyawuthanda umhlaba ofumileyo.

Umhlaba kufuneka ukhofolelwe, ucocwe ulingane phambi kokutyala. Ngelixesha umgquba ne manyo zingalinywa emhlabeni nomhlaba uxuxwe ku 300 mm ubunzulu. Lendawo izakutyalwa ingacolisiswa ngesandla okanye ngomatshini. Ikona kufuneka zibe ngu 1200 ububanzi phakathi ko 200 no 250 mm ubude. Ikona zinga mbaca ngaphezulu ukunyusa lendawo kuzakulinywa kuyo.

Isimo Sezulu

I-Beetroot sistyalo esithanda indawo epholileyo, iphila kakuhle kakhulu kubushushu obungu 14 degrees celcius ukuya ku 20. Ukukhula nokondleka kwe Beets kuya dobalala kubushushu obungaphantsi kwe 5 ukuyokuma ku 26 degrees celcius. Ziyali nyamezela ikhephu elingathangani kodwa oku kutshabalalisa lendawo ihlaza ngenxa yoko ingakhuli kakhulu ibeet phantsi komhlaba.

Izilimo

Early Wonder, Osprey, Crimson Globe, Detroit Dark Red, Merlin, Globe Dark Red, ne Star 1105.

Translated by Zikhona Plaatjie