uLawulo lwesivuno se Beetroot

© Marinda Louw
Preserved beetroot in recyclable containers.

uKujikeleziswa kwezi tyalo

ukujikeleziswa kwezityalo kufuneka kuhlale kusenziwa xa ubani evelisa imifuno, ukuthintela iinkumbi ezidla izityalo kunye nezifo.
Ubungakanani bemveliso (Itoni ngokwe hectare)
Okunqabileyo: itoni ezilishumi elinesihlanu (15)
Okuphakathi: itoni ezingamashumi amabini anesihlanu (25)
Okulungileyo: amashumi amathathu anesihanu (35)

uKuvuna

uKuvuna kwenzeka xa ibeetroot ephakathi ifikelela kubukhulu obungange 7 cm ngobubanzi. Kuyenzeka okokuba kuvunwe phambi kwexesha xa abathengisi becele ezisencinci ibeets. iBeetroot ke ziyavunwa ngesandla, kodwa imizi yemveliso esele iminkulu ivuna ngomatshini.

uKugcina

iBeetroot kufuneka ipholiswe phakathi kwe sine nesihlanu ze degrees centigrade kunye nokufuma okungathangani okungaphezulu ku 90% ngethuba elincinci emveni kokuvuna, ngesiqhelo kwa kwi yure ezintandathu emveni kokuvuna. Kodwa ke xa izinga lobushushu liphezulu, ukupholisa kufuneka kwenzeke kwa ngethuba. iBeetroot inga gcinwa ukuyokuma kwinyanga ezintandathu kwisinye ukuyokuma kwisibini se degree centigrade kwindawo enokufuma obungaphezulu ko 90+ percent.

Iinkumbi ezidlayo

Red Spider, Aphids, Cut worm kunye ne Nematodes.

iZifo

Ezinye zezifo eziqhelekileyo yi Cercospora Leaf Spot, Scab, Brown rust, Downey Mildew kunye ne Root rot.

Translated by Zikhona Plaatjie