Isiqhamo uMqokolo

© Raasgat
i-Apile iKei (Dovyalis caffra) kwa Xhosa yaziwa ngokuba ngu Mqokolo ikwabizwa ngokuba yi appelkoosdoring, Umgokolo, Amagokolo, wild apricot, um-Qokolo, Umkokola, Dingaan’s apricot ne Motlhono. Iwild apricot (D. zeyheri) kunye ne sour berry eqhelekileyo (D. rhamnoides) zezinye iintlobo zeziqhamo kusapho lwe Dovayalis. iApile iKei liyanyamezela kwimeko zembalela nekhephu, lomthi uhlala uluhlaza kwaye ukhula ubude obungu 3m ukuya ku 5m ifumaneka kumahlathi wee ngingqi, kwindawo ezomileyo, indawo ezinengca, ekupheleni kwamahlathi kwele Mpuma Koloni, KwaZulu Natal nakwi phondo lase Limpopo.
Eli Apile le Kei linameva lenza isityalo esilungileyo njenge heji okanye isityalo sokubiya (xa sityalwe ndaweninye kwaye sichetywe rhoqo) kwaye neengcambu zingonakalisi. Esi sityalo safunyanwa eNgilane ngonyaka ka 1983 sasasazwa kwilizwe lonke apho ityalwe khona njenge heji kwigadi ezikufutshane elwandle – siyawu nyamezela umhlaba ongena tyuwa yaneleyo kunye nofafazo lolwandle. Ezizityalo zityebile kwi ncindi, yiyo lonto zinomtsalane kuma bhabhathane nezinambuzane logama eziziqhamo zixhaphakile kwiintaka nabantu kwaye amagqabi atyiwa zizilwanyana ezifuyiweyo.
Isiqhamo iApile iKei siyatyiwa, sinomphandle onencindi kwaye omgquba-gqubane siyafana ne Apricot. Ithanda kakhulu ukufakwa kwisidlo isaladi, senza ijam emnandi, kwaye sisetyenziswa nase kwenzeni amakhekhe okanye iziselo zeziqhamo. Iye ifumaniseke ine asidi eninzi ukuba ityiwe iyodwa – iApile iKei kungcono lisikwe lifafazwe ngeswekile phambi kokuba lityiwe. iZiqhamo ezingavuthwanga zinganikezwa izilwanyane amagqabi azo. Esi siqhamo sivuthwa ukususela ngenyanga ka August ukuya ku October kwaye kungcono ukusivuna ngeziqembu (sebenzisa imela) ukuze isikhumba singa krazuki.
i-Apile iKei liyanyamezela kwi mbalela nakwi khephu kwaye likhula kakuhle kwi mbewu eqokelelweyo yesiqhamo esele sivuthiwe. Imbewu kufuneka icocwe yomiswe phambi kokuba ityalwe.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie