Iipesika zisuka ku mantla-ntshona we China. Kukholeleka okokuba zikhuliswa kumlambo iYangzi, apho ipete ze pesika ezomeleleyo zathi zafunyanwa khona ezisukela kwiminyaka yama 6 000 BC.
Ukudubula kwe pesika bekukholeleka okokuba ‘kugxotha ububi’. Yayikholelwa ke lento de amajoni aphathe imithi yepesika edubulileyo xa ejongene notshaba, elalihamba phakathi kwe dolophu. Ipesika edubulileyo londawo yayixhonywa phezulu kwiminyango rhoqo xa kuqala unyaka omtsha. Ipesika yayibonwa njenge mbonakaliso yobomi, nobomi obungu naphakade.
Igama lase gadini lepesika yi Prunus persica, oku kuthetha “isipho esisuka ePersia”, kubhekisa kuma Persia esazisa ipesika kuma Roma, ze wona azisasaza nakwamanye amazwe. Ilizwe lase China lelona linqenqeza phambili kwimveliso ye pesika kwilizwe lonke, kulandele Italy, emveni koko kulandele iUnited States.
Uninzi lwe pesika zeli lo Mzantsi Afrika ziveliswa kummandla we Ntsona Koloni. Indawo iCeres yintlango ehamba phambili (esingena pete) ipesika, kulandele ipiketberg, Northern Province, Klein Karoo, Wolseley, Tulbagh, kunye ne Paarl. Zikhona ezimbalwa ngamanani eziveliswa kwelase Free State, Eastern Cape, Gauteng, Mpumalanga, Langkloof, ne Hex River Valley.
I-Klein Karoo ivelisa ingxenye yohlobo ipesika ‘cling peach’ elizweni, uninzi lusuka eCeres, Wolseley, Tulbagh, ne Southern Cape kunye ne Worcester. Inani elincinci livelisa eVilliersdorp, Vyeboom, Hex River, Langkloof East, Piketberg kunye ne Mpumalanga.
Ixesha lemveliso eMzantsi Afrika liphakathi kwenyanga ka October ukuya ku March, kuxhomekeke kuhlobo nommandla wemveliso. Oku kuvumela ilizwe lithengisele amazwe angaphandle iziqhamo kwi Northern Hemisphere xa kuphela ixesha lemveliso kulomazwe.
Ilizwe lo Mzantsi Afrika alithengisi kakhulu kumazwe angaphandle, livelisa nje ngapha kwama 15% we pesika eziveliswe kwi Southern Hemisphere. Elona lizwe likhuphisana nalo kwintengiso ye European ne Asia yi Chile, Argentina ne Brazil.
Imveliso yepesika kweli lo Mzantsi Afrika yadlula itoni ezingama 210 000 we toni ngonyaka ka 2015 kodwa yehla ukuya kuma 200 000 we toni emveni kwe mbalela enzima eyaqala ngonyaka ka 2017. Malunga no 70% wezivuno ziyankonxwa nyaka ngamnye, intsalela zithengiswa kwivenkile ezingqongileyo, zomiswe okanye zithengiswe kumazwe angaphandle.
Amazwe Mozambique, Zimbabwe, Lesotho, Singapore, United Kingdom, Angola, Hong Kong, China, Mauritius, Saudi Arabia kunye ne Emirates zonke zimele awona mazwe entengiso yangaphandle.
Translated by Zikhona Plaatjie