Ipesika zezinye zeziqhamo zokuqala ukutyalwa eNtshona Koloni emveni kokufika kuka Jan Van Riebeeck ngonyaka ka 1655, ze ngonyaka ka 1892 yaba yeyona mithi mininzi ityaliweyo kwi Cape Colony, kunye ne nectarines.
Ipesika zahlahla indlela kwintengiso yepesika kumazwe angaphandle, ngexesha iqalisa ukuba sisiqhamo sokuqala ukuthengiswa kumazwe angaphandle ezisuka kwelo Mzantsi Afrika ngo January 1892. Isiqhamo sathunyelwa kwelase England nge Drummond Castle steamship zafumana amaxabiso abhetele kunalawo aye lindelekile.
Uninzi lwepesika yase ntlango ne cling peach zintlobo ezityalwa eMzantsi Afrika, ze isigqibo sikhethwe zimfuneko zemveliso kunye nezidingo zentengiso. Iintlobo zakudala zitshintshwa nentlobo ezingcono, intlobo ezisebenziseka lula xa zifumaneka.
Ngonyaka ka 2014, ezona zivuno zepesika yi Transvalia Sunsweet, Temptation, Witzenberg, San Pedro, Novadonna, Summersun, Golden Pride, Experimental, Fairtime ne Excellence.
Kakamas, Keisie ne Sandvliet zavelisa ngapha kwengxenye yohlobo lepesika icling, kwixesha elidlulileyo. Ezinye iintlobo ziquka Oom Sarel, Western Sun, Prof Neethling, Cascade, Supreme, Prof Malherbe, Wotemade, Goudmyn ne Bonnigold.
Imveliso yepesika ihlulwe kabini: cling peaches ne dessert peaches. Uhlobo cling zinepete enamathele enyameni yepesika, yenze kube nzima ukuyisusa ungaqalanga wavula ipesika ngaphakathi. Ezipesika zisetyenziswa kakhulu ukunkonxwa, ukuzimfaxanga, jam kunye ne jelly.
Ipesika ze dessert zibizwa ngokuba azina pete kuba kulula ukukhupha ipete kuyo ngaphandle kokonakalisa inyama yepesika. Ngesiqhelo zinkulu, ziqinile, kwaye azinancindi ininzi ukodlula uhlobo lwepesika icling. Zithengiswa kakhulu kwivenkile zentengiso ka wonke wonke, nangona zingasetyenziswa zinkonxwe naxa kubhakwa.
Iipesika ziphezulu kwi fibre, vitamins, ne minerals, kwaye zine zityalo ezinikeza impilo ezifana ne antioxidants ezinceda ukukhusela umzimba kwingxaki ezidibene nokuguga. Isiqhamo nesikhumba ziyatyiwa, kodwa ipete kufuneka ihlahlwe.
Ipesika zingatyiwa zihlaza, zingasetyenziswa kwi saladi, zingomiswa, zinkonxwe, okanye zisetyenziswe ukwenza chutneys, sosi, confiture, jam okanye ukubhaka. Zingamfaxangwa okanye zenziwe isiselo.
Xa uthenga iziqhamo esisandula kukhiwa, khangela esimpuluswa, esiqinileyo, kwaye esinombala ogqamileyo. Isiqhamo esithambileyo nesiqinileyo singatyiwa kwangoko. Kodwa ke, iziqhamo eziqinileyo zingagcinwa ixesha elide kwaye singalindwa sivuthwa ngokuthi siyekwe esityeni nezinye iziqhamo, ezifana ne bhanana nama-Apile. Iipesika zinga fakwa kwisikhenkcezisi ukuze zinga khawulezi ukuvuthwa.
Ipete ingasuswa ngokuthi kusikwe ipesika ngaphakathi, ijijwe esiphakathini kuhlulwe amacala omabini.
Translated by Zikhona Plaatjie