iiMango eMzantsi Afrika

© Westfalia Fruit

Iimango zingakhuliswa kwimozulu ezininzi ezahlukeneyo, ukusuka kwiindawo ezomileyo ukuy kwezina rhoqo. Ubuninzi bee mango zelizwe lase Mzantsi Afrika busuka kwingingqi yase Hoedspruit, ekwiPhondo lase Limpopo. Nangona iimango sele ingamakhulu eminyaka iimango zilinywa eMzantsi Afrika, iimango ziqale ukulinywa kwiPhondo le Ntshona Koloni nge sentyuri 21. Oku kwanceda ekwandiseni ixesha lokuvunwa kwemango laya kuma ekupheleni kwenyanga ka Meyi, njengoko iNtshona Koloni isaziwa ngokusilela kumaxesha okuvuna xa ithelekiswa namanye amaphondo avelisa iziqhamo afana noMntla Koloni. 

Iimango zifumaneka ngexesha lase hlotyeni lase Mzantsi Afrika. Eli xesha liqala ngenyanga ka Novemba ze liqatsele ngenyanga zika Januwari nezika Februwari. Ixesha le mango liqala ngendidi ezinamaxolo abomvu ezibizwa nge Tommy Atkins ze liphele ngezinamaxolo aluhlaza ezibizwa nge Keitt. Umbala wamaxolo awubonakalisi kuvuthwa kwesi siqhamo. Ukunikisa ekupheleni kwesiqu, yeyona ndlela ingcono ebonakalisa ukuba isiqhamo sivuthiwe na. Imango evuthiweyo ibanevumba elimyoli lesiqhamo. 

Eli candelo lee mango lijonga imveliso ye mango, indlela zokuyilima, ukuyiphatha kunye nemisebenzi yee mango. Eli candelo likwa nqwenela ukuvuselela umdla wokutyiwa nokulinywa.

Translated by Zizipho Silwana

Ukuvunwa kunye Nokuvuthwa kwe Mango

Iimango ziziqhamo ezitshintsha tshintshayo, umlinganiselo we siqhamo uyatshintsha unyaka ngamnye. Iindlela ezilungileyo zoku lawula iintsiim...more

Indlela Yoku Lima iiMango

Imithi ye mango ingavelisa isivuno esikhulu kube kanye ngonyaka. Kunyaka olandela lowo isivuno sehla ngama 25%. Imithi ithatha malunga nemin...more

Iindidi zeMango

Kumfama we mango, ukukhetha indidi ye mango ezakutyalwa kuxhomekeka kwizinto ezifana nemozulu, ixesha lokuvuthwa (umz. Ivuthwa ekuqaleni oka...more

Imveliso yeMango

Imango sesona siqhamo sixhaphakileyo nesisesona sisetyenzisewa izinto ezininzi ehlabathini. Imveliso eninzi yesi siqhamo ikwilizwekazi lase ...more

zeMango, eMzantsi Afrika

Imango (Mangifera indica L.) sisiqhamo selizwe lase India, Pakistan, kunye nase Philippines. Ikhula kakuhle kwiingingqi ezitshisayo kuquka n...more

Imisebenzi yee Mango

Isityalo se mango yase Mzantsi Afrika kwenziwa ngaso iimango ezomisiweyo/imiqwayito, atsha kunye ne jusi. Ikwathengiswa injalo kumazwe angap...more