Ukuvunwa kunye Nokuvuthwa kwe Mango

©Westfalia Fruit

Iimango ziziqhamo ezitshintsha tshintshayo, umlinganiselo we siqhamo uyatshintsha unyaka ngamnye. Iindlela ezilungileyo zoku lawula iintsiimi, ezifana nezichumiso, zinganciphisa amathuba okutshintsha tshintsha kwesiqhamo. Nangona umahluko wama 25% ukuya kuma 30% esivuno esilandelelanayo ungalindeleka.

Isivuno se Mango

Isivuno se mango simetwa ngee toni kwi hekthare nganye, kwaye sixhomekeka kubudala bomthi, indidi ye mango, ukuqelelaniswa kwemithi kwintsimi, iindlela zolawulo (ezifana nezichumiso) kunye nezinye izinto. 

Iindidi ezithwala iziqhamo ezininzi ziquka iKeitt, evuthwa kade-neye ithwale ama 30 eetoni/ha, evuthwa msinya iTommy Atkins, Sensation kunye ne Jua, zonke ezi zithwala ama 20 tonnes/ha kwakunye ne Keitt nese nokuvelisa i 15 tonnes/ha.

Indlela yoku Vuna iMango

Iimango zikhiwa ngesandla, oku kungafikelela kwizihlandlo ezine ngexesha lokuvuna. Esi siqhamo sivunwa xa siluhlaza-olungele ukuvunwa kwaye oku akufanelanga kuphazanyiswe nokuvuthwa. Iimango ezilungele ukuvunwa zivuthwa emva kokukhiwa. Oku kunika ixesha elaneleyo ukuba zihlale zilungile phakathi koku thuthwa kwesiqhamo. 

Ukulungela ukuvunwa kungabonwa ngoku sebenzisa itshati yombala kwiziqhamo eziza kuthengiselwa amazwe angaphandle. Okanye umzekelo kungajongwa umbala otyheli otshintshayo ngaphantsi kwee ndidi ze mango ezibizwa nge Jua kunye ne Sensation. Ezinye izinto ezifana nokumila, iilenticels kunye nokwahlukana okuthile okujikeleze lendawo idibana nomthi zinganveda nazo ekujongeni ukuba indidi ethile yesiqhamo ikulungele na ukuvunwa. Ukuhlolwa rhoqo kwentsimi kubalulekile ukuze kujongwe ixesha elilungileyo lokuvuna.

Iziqu zee mango zikhupha incindi engathi lubisi nenokubangela ukutsha kwamaxlo eemango. Abanye abaveliso basebenzisa iigridi ezikhethekileyo nezenza kubelula ukuba lencindi ivuzele phantsi. Abanye bakhetha ukuhlamba esi siqhamo emva kokuvunwa. Basihlamba ngomxube okhethekileyo noye ukhusele ukutshiswa yile ncindi. 

Amaxesha acetyiswayo okuvuna esi siqhamo aphakathi kwentsimbi yesi 09:00 ukuye kweye 15:00, oku kunciphisa amathuba okuvuza kwalencindi ye latex. Nangona oku kunga soloko kulula.

Indlela Yokuphatha iiMango Emva Kokuvunwa

Iimango zohlulewa entsimini, ngokwamanqanaba 1 ukuya kwisi 3. Isiqhamo esikwinqanaba 3 siyohlulwa kwezinye ngenxa yokonakala kwamaxolo okwenziwe ziintaka, ukugudleka ngenxa yomoya okanye xa inkulu okanye incinci kakhulu. Ezi ziqhamo ziye zithunyelwe kwimizi mveliso yee jusi (iziqhamo ezincinci) okanye zomiswe zenziwe imiqwayito (iziqhamo ezikhulu). 

Iziqhamo ezikumanqanaba 1 no 2 nazo ziyahlulwa hlulwa kwishedi yokupakisha ngokomlinganiselo, ubume, amaxolo, inkangeleko kunye nomonakalo, ze zipakishwe kwii bokisi ezinobunzima obungama 2kg okanye 4kg. 

I-Anthracnose kunye nokubola kweziqu zezona zifo zibini zihamba phambili ekuhlaseleni isiqhamo se mango emva kokuvunwa. Kuye kusetyenziswe unyango lwamanzi ashushu olubizwa nge HWT (hot water treatment) ukuthintela ezi zifo ingakumbi kwiziqhamo eziza kuthengiswa kwamanye amazwe. Olu nyango lwe HWT alusetyenziswa kuzo zonke iingingqi ezise Mzantsi Afrika, nanjengoko ezinye iingingqi zingafane zichatshazewe zezi zifo. Xa kusenziwa olu nyango lwe HWT, iziqhamo ezi luhllaza zinkxuzwa emanzini kangenge mizuzu emi 5. Amaqondo obushushu balamanzi aba kuma 47°C. Kweli qondo, iintsholongwane ezibangela izifo ziyafa ngaphandle kokonakalisa isiqhamo.

Ukuvuthwa kwee Mango

Imango ziziqhamo esihambelana nemozulu. Oku kuthetha ukuba sivuthwa emva kokuvunw. Iimango zingavunwa ziseluhlaza, xa zisaqinile kwaye zilungele ukumelana nobuhrabaxa bokuthuthwa nokuphathwa phathwa njengokuba iqhubeka nokuvuthwa. Ukuvuthwa kwe mango kungenziwa ngonyango lwe ethylene gas.

Imango ingaye ivuthwa xa ikumaqondo aphakathi kwe 10°C ukuya kuma 30°C. Ukutshintsha kombala kukhawuleza ngcono xa amaqondo obushushu emalunga ne 16°C, logama incasa ibamnandi kakhulu xa amaqondo obushushu emalunga nama 27°C.

Beka iimango kwindawo ebukufudumala okanye uyenze ivuthwe ngokuyi songela ngephepha kangangeentsuku ezimbini. Ukuba isendaweni epholieyo ayizuku vuthwa, kodwa xa sele ivuthiwe, ingagcinwa efrijini okanye ikhenkceziswe kangange nyanga ezintandathu. 

Iimango eziluhlaza ziyakhiwa ze kwenziwe ngazo i-atsha-isiqholo esinkonkxiweyo esityiwa ngeenyama ebandayo, iikheri, izityu. Imango eluhlaza isenokusikwa ibeyimicu idityaniswe neesaladi, idityaniswe nee herb nzinye iziqholo.

Translated by Zizipho Silwana