Indlela Yoku Lima iiMango

© Louise Brodie

Imithi ye mango ingavelisa isivuno esikhulu kube kanye ngonyaka. Kunyaka olandela lowo isivuno sehla ngama 25%. Imithi ithatha malunga neminyaka emuthathu ukuya kwemine ngaphambi kokuqala ukuthwala isiqhamo. Oku kuxhomekeka kwingingqi, isenokuthatha neminyanga esibhozo. Oku kwenzeka kakhulu kwingingqi yase Hoedspruit kwiphondo lase Limpopo. Logama kwiindawo yase Clanwilliam ingathatha iminyaka efikelela kuma 12 ukuba imithi ikhule ngokupheleleyo, ze ivelise nesivuno esibonakalayo.

Imozulu Elungele iiMango

Imithi ye mango ingamelana nemozulu ezahlukeneyo-ukusukela kweshushu nefumileyo ukuya kwepholileyo neyomileyo. Ngoko ke, ingalinywa kwiingingqi ezininzi eMzantsi Afrika. Amaqondo obushushu alungele ukulima imango aphakathi kwesi 5°C ukuya kuma 45°C, kodwa amaqondo obushushu asemini wona kufanele abe phakathi kwama 27°C ukuya kuma 36°C.

Iimango zinakho ukumelana nobushushu obufumileyo kunye nemeko ezomileyo. Kodwa ukufudumala kufanele kube ngaphantsi kwama 55%, ukusukela ngenyanga ka Okthobha de kufikelele ixesha lokuvuna isiqhamo eliqala ngenyanga ka Disemba ukuya kweka Matshi. 

Imango ziyachuma kwiingingqi ezomileyo ngexesha lase Ntwasahlobo ukuya ekuqaleni kwe Hlobo njengoko iintyatyambo kunye neziqhamo ezikhulayo zinochuku kwizifo zokungunda nezibakho xa kufumile okanye kumanzi. 

Khetha iindawo ezikhuselekileyo kumoya obhudlayo okanye utyale izityalo eziza kusitha umoya kufuphi nentsimi ye mango. Umoya ubangela ukukhuthuka kunye nemikrwelo kwaye unokubangela ukuwa kweziqhamo emthini. Ukukhuthuka kwamaxolo ngenxa yomoya kungakhokelela ekungundeni kunye neentsholongwane kwi ziqhamo ze mango. Thintela ukonakaliswa ngumoya ngokutyala izityalo ezisitha umoya kwaye utyale imithi ye mango ngendlela eyenza umoya uzele ecaleni kwi mithi.

Ukutyalwa Kwee Mango

Khetha izityalo ezomeleleyo, kwaye uzithenge kwii nursery ezithembekelileyo. Hlola amangqabi kunye neentyatyambo, ukuhlonyelwa kwe graft kwakunye nomxube womhlaba kwakunye neengcambu. 

Uhlolo olugqibeleleyo lomhlaba ngaphambi kokutyala luza kubonakalisa ukuba zeziphi izinongo ezidingekayo okanye ezigqithisileyo emhlabeni wakho. Oku kungalungiswa ngethuba kulungiswa umhlaba ngaphambi kokutyala, kuphindwe kwakhona ngexesha lokukhula kweziqhamo. 

Iimango kufanele zityalwe ekupheleni kwe xesha lengqele nelemvula-inyanga ka Agasti neka Septemba zezona zilungileyo. Ukuqelelana kwezityalo kuxhomekeka kwindlela ekhula ngayo indidi leyo yesityalo. Uqelelaniso lungaba phakathi kwe 12 x 12 m ukuya kwi 2.5 x 2.5 m kwintsimi yemithi yemango exineneyo. Emva kokutyaa, iimango zikhula iingcambu ezomeleleyo nezinokuba yi 6m ubude. Imithi ye mango ikhula ze ivelise iziqhamo kakuhle kwimihlaba eyahlukeneyo, kodwa leyo iyisanti nekwafunxa kakuhle amanzi okanye engumdongwe (enomdongwe oli 15 ukuya kuma 25%) ngowona udingekayo. Umhlaba opakisheneyo akulunganga ukutyalwa kuwo njengoko usenoku khokelela ekuxingeni kwamanzi angatshoni, aphele sele edama ixesha elide. IpH eyi 6 - 7.2 yeyona ilungileyo.

Iindlela Zolawulo lwe Mango

Ngokuxhomekeke kwisibalo solimo, indidi yesityalo kunye nendlela yolawulo, iindlela zolawulo ziquka ukuchumisa, ukunkcenkceshela, ukuthena, ukukhuselwa kwezityalo nokunye. Izinto ezimbalwa zikhankanywe ngezantsi. Ingcebiso ethe vetshe ingafumaneka ngokuthi ungenelele amaqela afundisana ngezo limo okanye udibane nabeze ngcebiso yezolimo. 

Imithi ye mango idubula iintyatyambo kwisithu esibalelwa kwiintsuku ezingama 28. Nangona imithi ye mango izenzela ipholini (self-pollinating) kwaye imbewu isenokusasazwa nangu moya okanye izinambuzane, ikhansila ye Agricultural Research Council (ARC) icesbisa ukusasazwa kwe mbewu yemithi ye mango kusetyenziswa iinyosi. Kungasetyenziswa amabubu (hives) ama 3 ukuya kwali 15 kwi hekthare nganye. 

Imithi ye mango iyathenwa emva kokuvunwa ze onke amahlahla amafutshane la athwala isiqhamo asikwe. Ukuthena kwenzelwa ukuze imithi ivulekele ukungena kwelanga embindini wemithi kwaye nokususa amahlahla amadala ukuze kuphinde kukhule amanye. 

Ukuchumisa, ngokuxhomekeke kuhlolo lomhlaba namagqabi, kwenziwa emva kokuvunwa. Ukukhusela iimango kwizifo ezifana ne anthracnose kunye nempukane zeziqhamo kubangcono kwenziwe ngokwe nkqubo edityanisiweyo yolawulo lwezonakalisi. Iikhemikhali ezisetyenziswa kwimveliso ye mango kufanele zibhaliswe kwaye kubalulekile ukulandela imigaqo emayelana nezitshizi zezityalo. 

Nangona imithi ye mango inakho ukumelana nembalela, ukunkcenkceshela kuphucula umlinganiselo wesivuno kunye nomlinganiselo wesiqhamo. Indlela yonkcenkceseshelo nenkqubo yonkcenkceshelo ixhomekeke kwizinto ezifana nendidi yomhlaba, indlela yolawulo kunye nemozulu kwaye kungcono oku kuthethwe nengcali yonkcenkceshelo. Kwilizwe lo Mzantsi Afrika kusetyenziswa iindidi ezimbino zonkcenkceshelo ezibizwa nge micro kunye ne drip irrigation.

Izifo Ne Zonakali Ezihlasela iiMango

Anthracnose sisifo esixhaphakileyo esihlasela iziqhamo emva kokuvunwa, esi sifo sichaphazela zonke iindidi zemithi ye mango. Iimpawu zesi sifo zingabonakala ngamachaphaza amnyama-mdaka kuma gqabi. Iimango ezikwii ngingqi ezifudumeleyo azifane zichaphazeleke, kuba zigqiba msinya ukukhula. Esi sifo asinako ukuhlala emithini ngexesha lokuna kwee mvula. 

I-bacterial black spot sesinye isifo esihlobene nokuna kwemvula kwaye singanyangwa ngezitshizi ezifakwe ikopolo. Esi sifo sibonakala ngamadyunguza anamanzi aye aphume kwisiqhamo. I-powdery mildew sisifo sokungunda esibonakala ngamabala amhlophe angumgubo naye aphume kwiziqhamo eziselula, kumagqabi, kwiintyatyambo okanye kwiziqhamo. Izonakalisi zee mango ziquka impukane zesiqhamo, imango weevil kunye ne tip wilter, nesisonakalisi kwimithi eselula.

Translated by Zizipho Silwana