Iindidi zeMango

© National Mango Board

Kumfama we mango, ukukhetha indidi ye mango ezakutyalwa kuxhomekeka kwizinto ezifana nemozulu, ixesha lokuvuthwa (umz. Ivuthwa ekuqaleni okanye ekupheleni kwexesha le mango), umlinganiselo wesiqhamo kunye nowesivuno. Umfama ukwajonga nezinto ezifana nomlinganiselo wemithi kunye nokukwazi ukumelana nentsholongwane ye black spot kunye nezinye izifo. Umzekelo, ezinye iindidi azinakho ukumelana nemozulu efudumeleyo neyomileyo, kwaye zingatsha lula lilanga. Ezi ndidi ziquka iiSensation kunye ne Keitt. Iindidi ezomeleleyo nezingachaphazeleki lula koku zii Tommy Atkins kunye ne Kent.

Iimango ezivuthwa ekuqaleni ukuya embindini wexesha lee mango eMzantsi Afrika zii Tommy Atkins, Zill, Sabre, kunye ne Irwin. Ezivuthwa embindini zona iindidi ziquka iKent, Shelley kunye ne Heidi, ze ezivuthwa ngasekupheleni kwexesha lesivuno zii Sensation kunye ne Keitt.

Ezona ndidi zilinywayo kwiPhondo lase Ntshona Koloni zii Kent, Joa, Sensation, Heidi, ezintsha iTropica ne Keitt.

Kusahlolwa neendidi ezintsha ngabe Agricultural Research Council (ARC). Xa kusekwa iindidi ezintsha, zivamise ukuhlonyelwa kwiziqu zemithi esele ikhulile-oku kubizwa nge grafting. Umthi we Sabre ngowona usetyenziswayo ukwenza olu xokomezelo/uhlonyelo/grafting kwilizwe loMzantsi Afrika.

iiMango Ezivuthwa Ekuqaleni Ukuya Esiphakathini Sexesha Lokuvunwa

iTommy Atkins yindidi evuthwa ekuqaleni kwexesha lokuvunwa kwee mango. Imbhoxo ukuya ku ovali ngokumila. Inombala obomvu ocacileyo kunye neendawo eziluhlaza kunye nezityheli. Ikwanawo namaxolo aqinileyo. Inomphakathi oqinileyo, one fayba kunye nencasa enobuswiti obungephi. Ihlala ithuba elide emva kokuba ikhiwe. Le ndidi ilungele zonke iindawo zemveliso kwaye inakho ukumelana nentsholongwane ye black spot kunye ne anthracnose.

iZill yenye indidi evuthwa kuqala kwaye ivelisa isiqhamo esincinci ukuya kwesi phakathi. iZill inexolo eliluhlazana kunye nemibalana etyheli kunye neluhlaza, kodwa ijika ibe bomvu ngombala xa sele ivuthiwe. iZill inencasa emnandi kunye nomphakathi oqinileyo. Esi siqhamo asinayo ifaybha, kodwa asihlali thuba lide emva kokuvunwa. 

iSabre yimango enefaybha ummo wayo. Incinane ukuya phakathana ngokomlinganiselo. Ityheli ze ibebombu emacaleni. I-Irwin yimango ephakathi ukuya kuubukhulu ngokomlinganiselo kwaye imbhoxo ukumila. Inombala otyheli ukuya kobomvu.

iiMango Ezivuthwa Esiphakathini Sexesha Lokuvunwa

iKent yi mango ephakathi ukuya kubukhulu ngomlinganisela, kwaye ihlaa iluhlaza noba sele ivuthiwe. Inencasa emnandi kunye nomphakathi oqinileyo nokwathambileyo. iKent ivamise ukusetyenziselwa ukwenza ijusi okanye iqhootswe. 

iHeidi nayo yimango ephakathi ukuya kubukhulu ngomlinganiselo, ikwamile okwe ntliziyo ikwanencasa engenakuphazanyiswa ye ‘mango’

iShelley keyona yindidi evuthwa esiphakathini sexesha lokuvunwa. Le ndidi isuka kwilizwe lakwa Sirayeli. Iphakathana ngokomlinganiselo kwaye imile oku kwe apile. Inomphakathi oqinileyo, kunye nencasa ebuswiti bungephi.

Mango Ezivuthwa Mva

©National Mango Board

Ixesha leemango eMzantsi Afrika liphela ngeendidi ezincinane ezibizwa nge Sensation kunye nenkulu iKeitt. iSensation yimango ephakathana enombala ofuna ukuba mfusa. Inomphakathi oqinileyo ongena faybha, kwaye inencasa eswiti. Yindidi endala nebanee ngxaki zokubola ngaphakathi kunye nomgangatho.

Indidi ye Keitt keyona yi mango enkulu enepeta encinci, kwaye ihlala iluhlaza noba sele ivuthiwe. iKeitt ixhaphake kakhulu kwizizwe zase Asia nalapho isetyenziswa njengesi qhamo esiluhlaza (esingekavuthwa) kunye nakwi pickles. iKeitt ivelisa isivuno esininzi esingama 30 eetoni/ha.

Translated by Zizipho Silwana