Imveliso yeMango

© Westfalia Fruit

Imango sesona siqhamo sixhaphakileyo nesisesona sisetyenzisewa izinto ezininzi ehlabathini. Imveliso eninzi yesi siqhamo ikwilizwekazi lase Asia, ingakumbi kumazwe ase India kunye nase China. eMzantsi Afrika, imveliso yee mango yaqala kwimimandla eshushu kwiphondo lase Limpopo, yaze yanwenwela kwimveliso ezivuthwa kade kwingingqi eyomileyo etshisayo yephondo lase Ntshona Koloni.

Iingingqi zeMveliso ye Mango eMzantsi Afrika

Ubunintsi beemango zase Mzantsi Afrika ziveliswa kwiindawo ezisemntla-mpuma welizwe. Iintsimi ze mango kwiphondo lase Limpopo zifumaneka kwimimandla ye eSoutpansberg, eMntla, eMbindini kunye nase Mzantsi Letaba, eHoedspruit kwakunye nase Trichardsdal kunye neye Ofcolaco. 

Iintsimi zee mango kwi phondo lase Mpumalanga zifumaneka kwiingingqi zase Komatipoort eOnderberg kunye nakwii ngingqi zase Malelane. Iimango zikwa linywa nakwi Phondo la KwaZulu-Natal kwaye malunga ne 100 lee hekhthare lityalwe kummandla ofudumeleyo wase Clanwilliam okwi Phondo ase Ntshona Koloni. Ezi mango zase Ntshona Koloni zandisa ixesha lee mango liye kutsho ekupheleni kwenyanga ka Meyi.

Amaxesha eMango Season eMzantsi Afrika

Imango sisiqhamo sasehlotyeni kwaye siqala ukufumaneka ekupheleni kwenyanga ka Novemba kwiPhondo lase Limpopo. Indawo yase Malelane kweli Phondo ivelisa indidi ebizwa nge Atkin. Ingingqi yase Hoespruit kwakweli Phondo yeyona ndawo yemveliso. Kuqala ukuvunwa kule ngingqi embindini wenyanga ka Disemba, ze kugqityeliswe malunga nase kupheleni kwenyanga ka Matshi. Indawo yase Clanwilliam ekwi Phondo lase Ntshona Koloni sele inethutyana elingephi ivelisa iimango, kwaye ixesha lokuvuna apha liqala esiphakathini senyanga ka Februwari ze kugqityeliswe malunga nase kupheleni kwenyanga ka Meyi. Indidi elinywa apha ke ibizwa nge Keitt.

Imveliso yeMango Ehlabathini

©US National Mango Board

Iimango ziveliswa kumazwe angaphaya kwama 90 kodwa isibalo esingama 80% sae mveliso yehlabathi sisuka kubavelisi abalishumi abahamba phambili. La mazwe alishumi ahamba phambili yi India, China, Thailand, Pakistan, Mexico, Indonesia, Brazil, Philippines, Bangladesh kunye nelizwe lase Nigeria. Ilizwe lase India lelona lihamba phambili kula mazwe, livelisa ama 40%, ze lilandelwe yi China nevelisa I 10%. 

Iinkcukacha manani zibonise ukuba ilizwe lase India lithengiselwe amazwe angaphandle isibalo esithe kratya ngaphaya kwama 49 000 eetoni ze mango ngeminyaka ka 2017/18. Kodwa ke, imveliso ye mango ngomnyaka ka 2019 kweli lizwe ithekelelwa ukuba yehle ngama 70% ngenxa yemozulu ezibandayo ngexesha lokudubula kwee ntyatyambo ngenyanga ka Januwari. 

Nangona iMelika ingahambi phambili ekuveliseni esi siqhamo, yayihamba phambili ekuveliseni uninzi lweendidi zemango yentengiso kwaye ilelona lizwe likhulu ekuthengeni iimango kwihlabathi lonke.

Iinkcukacha Manani Zemveliso ye Mango

Iimango zipakishwa kuma khathoni anobunzima obuyi 4kg ukuze zithengiselwe amazwe angaphandle. Ubuninzi bezi mango zithuthwa ngee nqanawe. Amanani amancinane aye athuthwe ngee nqwelomoya ukuya kwillizwe lase India, le ke yimakethi entsha yoMzantsi Afrika.

Malunga nama 37% wemveliso ye mango yase Mzantsi Afrika ithengiselwa abemi belizwe, njengesiqhamo sokutyiwa sinjalo, ze enye I 16% isetyenziselwa ukwenza ijusi. Imakethi ye atchar isebenzisa ama 28.5% wemveliso ye mango eluhlaza eMzantsi Afrika, logama I 10% isetyenziselwa ukwenza imiqwayito. Yi 6% kuphela yemveliso ye mango eMzantsi Afrika ethengiselwe amazwe angaphandle ngomnyaka ka 2018/19. 

Ngeminyaka ka 2018/19, intengisa zakumazwe ase Mbindi Mpuma zibalelwe kuma. 

53% wenani lee mango ezithengiselwa amazwe angaphandle. Intengiso kumazwe ase Afrika (Ingakumbi awase Botswana kunye ne Ghana) abalelwe kwi 17% ze elase Russia kunye ne Netherland libalelwe kwi 6% yee mango ezithengiswa kula mazwe. 

Ilizwe loMzantsi Afrika alikho likhulu kangako kwintengiso ye mango kumazwe angaphandle. Koko liye lithenge kumazwe ase Mozambique isibalo esingama 68% kunye nase Zimbabwe.

Translated by Zizipho Silwana