Ngokwesiqho
Entsha: 4 iitoni
Eyomileyo: 0.5 toni
i-Oil: 40 litha
Esiphakathana
Entsha: 8 iitoni
Eyomileyo: 1 toni
i-Oil: 75 litha
Esihle
Entsha: 12+ iitoni
Eyomileyo: 1.2 toni
i-Oil: 100 litha
Ubuninzi be coriander elinyelwe intengiso ivunwa ngemitshini. Kwiintsimi ezincinane nakwii zindlu zokutyala (greenhouses) ingavunwa ngesandla nangona oku kuye kube yindleko enkulu.
Kwimveliso yezityalo ezitsha: qala ukuvuna amagqabi ekuseni ngethuba kusapholile kodwa amagqabi sele omile. Ukuvunwa kwamagqabi angaphandle kungaqalwa kwiiveki ezi 4 emva kokutyalwa kwembewu. Abavelisi bentengiso abasele bephuhlile balinda ithuba elide baze bavune sonke isihlahla kanye ngaphambi kokuba idubule iintyatyambo. Bangavuna ngokuthi basike isihlahla kumlinganiselo oyi 5cm ngaphezulu emhlabeni, baze benze iibhantshi ngokomlinganiselo abawufunayo. Ukuba ivunwa ngesandla, isityalo sonke siyasitshulwa ze sipakishwe
Kwimveliso yezityalo ezomisiweyo: kwimveliso ye coriander eyomisiweyo, linda de igqibe ukudubula iintyatyambo, xa kanye iziqhamo ziqala ukuqina kwaye zisoma. Imbewu ivamise ukukhula ngokugqibeleleyo kwiiveki eziphakathi kwe 15 ukuya kwi 18 emva kokutyala. Imbewu iye ikhutshwe kumakhoba ayo ize ilungiselelwe ukuphinda ityalwe kwakhona kwenziwe neziqholo.
Kwimveliso ye oli (essential oil): I-oli iveliswa ngohlobo lwe steam distilling lweembewu ezigutyiweyo. Kubunzima besityalo esi distilled, i-oli ibangumlinganiselo nje we 0.6% ukuya kwi 1% waso.
Kwimveliso yesityalo esitsha: Emva kokuvuna, gcina icoriander esentsha kumaqondo obushushu akwi 1°C. Icoriander ingagcinwa kangange veki ezimalunga nesi2 ukuya kwezi 3. Eyona nto ibalulekileyo emayiqwalaselwe kukugcina amagqabi omile kwiinkonkxa ezivalwayo. Iiherb ezisentsha ziphulukana msinya nencasa, ngoko ke kungcono ithengiswe, ze isetyenziswe ngoko nangoko emva kokusikwa. Icoriander esentsha ingagcinwa kwiingxowa ezingangeni moya ze ifakwe kwisikhenkcezisi.
Kwimveliso yezityalo ezomisiweyo: Imbewu eyomisiweyo ingafakwa kwiinkonkxa ezingangeni moya ngokukhawuleza emva ukuze zingaphulukani nencasa. Ezi ke zingagcinwa kangangesithuba seenyanga ezilithoba ukuya kunyaka omnye.
Kwizityalo zemveliso ye oli (essential oil): I-oli efakwe ebhotileni ingagcinwa kwindawo emnyama,eyomileyo nepholileyo isithuba esingangonyaka ukuya kwiinyanga ezili18 emva kokugalelwa ezibhotileni. Emva koku unintsi lwezi oli ziye ziphulukane nevumba ziyeke nokusebenza ngendlela.
Aphids, Army worms, Cut worms, Nematodes, Spider mite, Thrips kunye ne White fly zezinye zezonakalisi ezixhaphakileyo.
Bacterial leaf spot, CMD Virus, Fusarium Wilt, Powdery mildew, Root rots kunye ne Soft rot.
Kungcono ukuba kulandelwe indlela/ingcebiso yokukhusela izityalo njengoko uyalelwe yi extension office okanye yi agronomist. Umthengisi wekhemikhali okufutshane nawe uvamise ukuba neenkqubo ezilungileyo okanye angakunika iinkcukacha mayelana nabacebisi abahamba phambili abakufitshane nendawo yakho yemveliso.
Translated by Zizipho Silwana