Ukutyalwa Kwe Coriander

© Louise Brodie

Ukwandiswa

Icoriander ingakhuliswa ngokuhlwayela imbewu.

Indlela Yokutyala

Xa ityalelwa ngamafama aphuhlileyo entengiso, icoriander ingatyalwa ngokuhwayelwa kwebewu ngqo emhlabeni. Imbewu ityalwa malunga neshumi lemilimitha ubunzulu. Imbewu ye coriander intshula kakuhle noko, kodwa ke kucetyiswa ukuba uhlwayele umlinganiselo ophindwe kabini kunalowo ufunekayo. Oku kwenziwa ngemitshini yokutyala okanye ngesandla, kuxhomekeka kubukhulu bentsimi. 

Ukuqelelanisa

©Glenneis Kriel

Izityalo ze coriander kufanele ziqelelaniswe malunga ne cm kwimiqolo eqelelene kangangama 30 cm. Olu qelelaniso lolwe zityalo ezimalunga nama 650 000 kwi hekthare nganye. Kufuneka kushiywe iindlela zetrekthara nezixhobo zolimo ukuze abaphathi bakwazi ukuhamba, kubelula nokuvuna.

Ixesha Lokuhlwayela

Hlwayela ngqo emhlabeni imbewu ye coriander, kanye ekuqaleni kwexesha lentwasahlobo. eMzantsi Afrika elixesha libasekuqaleni kwenyanga ka Septemba emva kokuba iqabaka sele yehlile.

Ixesha Lokukhula

Kwimveliso ye coriander esentsha, abanye abavelisi baqala ukuvuna amagqabi asematsha kwisithub seeveki esintlanu ukuya kwezintandathu emva kokuhlwayelwa kwembewu.

Isichumiso

Ngaphambi kokutyala, kufanele kuthathwe isampuli yomhlaba iye kuhlolwa. Oku kunceda ekwazini indidi yomhlaba kunye nezinongo ezidingekayo zesityalo esiza kulinywa. Ngokomkhomba ndlela, le ngcebiso ilandelayo ingasetyenziswa xa umhlaba ungahlolwanga. 

Kungaqala ngokugalelwa ama 500 kg we 3:1:5 ize idityaniswe ne 15 cm ukuya kuma 20 cm omhlaba ongaphezulu ngaphambi kokuhlwayela imbewu. Oku kuzakunika izityalo ezitsha ze coriander isiqalo esihle ekubeni zikhule. Nanjengoko icoriander ingadingi zichumiso zingako, kungcono ukuqwalasele ukukhula kwayo ukuze ubone ukuba ungongeza initrogen na, nenceda ekuphuhliseni ukukhula. Umlinganiselo ofanayo nowasekuqaleni ungaphinde ugalelwe ngonkcenkceshelo lwe drip emva kokuba imbewu sele idubule kuntshule nezithole.  

Unkcenkceshelo

Unintsi lwabavelisi bentengiso ye coriander bafakela unkcenkceshelo lohlobo lwe drip njengoko le iyeyona ndlela ingcono yokugada nokulawula ubumanzi bomhlaba. Isityalo se coriander singakhula iintanga lula ukuba siyekelwe sabaphantsi koxinzelelo lwamanzi ngenxa yembalela.

Ngoko ke, ukuba icoriander ilinyelwe ukuvelisa amagqabi amatsha, qinisekisa ukuba isityalo sinkcenkceshelwa ngokwaneleyo. Musa ukunkcenkceshela ngokugqithisileyo njengoko oku kunokubangela izifo zengcambu okanye iintsholongwane kumagqabi esityalo. Kungcono kufakelwe izixhobo zokumeta ubumanzi bomhlaba nezizakunceda ekugadeni umhlaba ngalo lonke ixesha.

Ngokuxhomekeke kwindidi yomhlaba nakwimozulu, unkcenkceshelo olwaneleyo luba phakathi kwama 25 mm kunye nama 30 mm ngeveki. Esi sibalo singahlulwa kabini ngexesha leenyanga ezifudumeleyo zase hlotyeni ze kuncitshiswe unkcenkceshelo ngeenyanga ezipholileyo okanye ezinethayo zonyaka. Zama ukuba ungankcenkcesheli kanye ngaphambi kokuba uvune, kodwa nkcenkceshela kanye emva kokuvuna ukubuyisela ukufuma emhlabeni ukuba usanqwenela ukuphinda uvelise kwakhona.

Translated by Zizipho Silwana