uKutyeshelwa kwe Mbeko na Masiko kwi Nkcubeko yakwa Xhosa

uGoldie Qhayiya ubalisa ukuba abazali bakhe bamfundisa okokuba abengu mama onembeko, nangokuba imbeko namasiko ziyatyeshelwa kancinci, kancinci.

iiMfundiso Zobuntwana

©Eric Miller

Ngenye imini ndandisuka ecaweni nomama xa omama ababini abasele bebadala bephambi kwethu, uEster no Wesley, bayeka ukuthetha.

Bathi kumama, ‘intombi yakho ihlala inentlonipho emangalisayo ngalo lonke ixesha, esibuza ukuba sinjani ngoncumo olunyanisekileyo. ‘yamenza wazingca ke lentetha umama. Yandivuyisa nam. Ndisene ntlonipho emangalisayo kubantu abadala. Imfundiso zobuntwana zinzulu.

uKulahlekelwa ngama Siko

©Eric Miller

Izinto zazingcono ngezontsuku. Akusekho ntlonipho ngoku nditsho nkqu abantu abadala batyeshela amasiko wabo.

Sonke siyamkela ndingayithatheli ngqalelo ukuba omntu ongusisi uya eRhawutini, umzekelo uzakulinganisa indlela abantu base rhawutini abaphila ngayo, de bayibaxe kuba bazama nzima ukuba bamkeleke. Alibale kuphele ngamasiko nezithethe.

Izithethe ziqinisekisa ukukhuseleka kwethu. Ngoku ndandise mncinci, abantwana abane shumi leminyaka babekwazi ukuyokudlala phandle behambaze.kwakungekho ngozi yokudlwengulwa okanye ukonzakaliswa.

Nabanina wayebona umntwana emsulwa odinga ukukhathalelwa noku khuselwa, bancume badlule. Izinto zazingcono ngoko, ngendlela ezininzi.

Namhlanje, indoda ebulala umntu ivalelwa entolongweni iveki ezimbini kuphela, afumane ibheyile aphume 'bail'. Aphinde abulale, aphinde, aphinde kwakhona. Siyabazi aba bantu ekuhlaleni.

Ewe, sikhululekile kwezintsuku. Kodwa njengokuba sikhululekile, abantu benzantoni? Abantwana bayabulawa, kule nkululeko.