Le mini u Otto wayefika ngayo eze kwi holide zika Desemba, sasithenga igusha siyixhele kumbhiyozo. Mna no Otto sasisiya ku mmelwane uMnumzana uMadondile simbhatale iR300 okanye R400 ezinkozo kwaye ngala njikalanga omnye wonyana baka Madondile asizisele isilwanyana. Yena no Otto bayixhele.
Bathi onyana bethu uVusi no Phumie babe badala ngokwaneleyo, babexhela ngokwabo. Akunzimanga – bakhula bebona ukuba kwenziwa njani, bayayazi. Sasibiza abahlobo, abamelwane, nosapho luzokubhiyoza, kudaniswe kumculo, umgqibelo wonke. Yayihlala iyi mpela veki emnandi.
Xa inyama ivuthiwe sibeke amakhukho phantsi sihlale kuwo, omama abadala kwesinye isangqa, abakwiminyaka ephakathi kwesinye isagqa, abafazi abancinci kwisangqa sesithathu, abantwana phandle. Amadoda ahlala ngase buhlanti. Sagqithisa isithebe esine nyama kwizangqa zonke, wonke umntu athathe atye, agqithise de iphele inyama.
Amadoda ayesitya kuqala, kulandele abafazi. Yindlela le amaXhosa atya ngayo kwizizukulwana ngezi zukulwana. Sasine playiti, kodwa zazisetyenziswa ngamaxesha akhethekileyo nase mingcwabeni. Ixesha elininzi, nakwimibhoyozo, zazihlala ekhabhathini.
Ukuba kufika undwendwe loxa kukho umbhiyozo, sasisithi, ‘Yiza uzokutya nathi’. Sasingabagxothi abantu. Abamelwane bethu babesiza kuyo yonke imibhiyozo yethu nathi sisiya kuyo yonke eyabo. Yindlela esafunda ngayo. Kwakungekho zikhenkcezisi ngalo maxesha, sasine ndlela ezikhethekileyo zokusebenzisa nokugcina inyama emveni kokuba ixheliwe igusha. Abanye abantu abangenazi khenkcezisi benza oluhlobo.
Siqala sithathe isibindi, imiphunga, namathumbu, sizicoce, sizipheke. Kusuku olu landelayo sinqunqe imilenze ukuze siyipheke, mhlawumbi yenzelwe isidlo sase mini. Emveni koko umzimba wegusha ugalelelwe ityuwa. Inyama ixhonywe kudonga lobuhlanti phandle, netyuwa kuyo. Igqunywe ngamasebe omthi, ukuze izinambuzane zingagcwali kuyo.
Emveni kwentsuku ezintlanu, xa inyama yomile, sasiyingenisa ngaphathi siyibeke ezinkini, siyogqume ngelaphu siyifake ekhabhathini. Konke oku yayikuzama ukugcina inyama ingaboli. Emveni kweveki enesiqingatha, inyama ibisoma kodwa igcineke kakuhle ikulungele ukuphekwa. Sasiyipheka kancinci imihla le, nabani na ofunayo waye yifumana.