Ukutyalwa kwe Theniphu

© Louise Brodie

Ukusasazwa

Ukuze kukhuliswe/kusasazwe itheniphu kufuneka kutyalwe imbewu yayo.

Indlela Yokutyala

Itheniphu ingatyalwa ngokuthi kuhlwayelwe ngqo imbewu okanye ngokukhulisa izithole ze zityalwe entsimini xa sele zintshulile. Ngezindlela zombini ingatyalwa ngesandla okanye ngemitshini yokutyala. Xa kuhlwayelwa imbewu ngqo, imbewu ye theniphu ibekwa iqelelane malunga ne sentimitha ezintathu ukuya kwezintlanu ukuqinisekisa ukuba isityalo siyaxinana. Xa sele zizinzile emhlabeni malunga neveki ezintathu ukuya kwezine emva kokutyalwa, imiqolo iyacuthwa ukuze ixinane ngalondlela umlimi afuna ngayo.
Xa kutyalwa itheniphu kufuneka imiqolo ekuhlwayelwa kuyo ilingane ngobubanzi, kuze kubekho nemiqolo eyaneleyo yokuhamba hamba abasebenzi nezithuthi zentsimi. Ezinye iindidi ze theniphu zityalwa kumhlaba ogangathekileyo olinganayo logama ezinye zityalwa kumhlaba ophakanyiselwe phezulu.

Ukuqelelanisa

Izityalo ze theniphu kufuneka ziqelelaniswe kangaka nge 15 cm ukuya kuma 20 cm kwimiqolo engama 50 cm ukuqelelana. Uku kufanele ukuba kukhuphe imveliso ephakathi kwama 100 000 kunye nama 120 000 yezityalo kwihekthare nganye.

Ukuhlwayela ne Xesha Lokutyala

Itheniphu sisityalo esikhula kakuhle kwimozulu epholileyo, ngoko ke tyala ngexesha elipholileyo ngethuba isityalo sikhula. Ukuze uvune ngentwasahlobo yase Mzantsi Afrika, kufuneka kutyalwe ngenyanga ka Matshi nasekuqaleni kweka Meyi ukuze isityalo sikwazi ukukhula somelele ngaphambi kokuba kufike iingqele zobusika kunye neeqabaka.
Kungatyalwa nganexesha le Ntwasahlobo kwinyanga zika Agasti no Septemba, kodwa kufuneka kuvunwe phambi kokuba kufike ubushushu obuqatseleyo behlobo. Kuba oku kungonakalisa izityalo zakho ze theniphu.

Ixesha Lokukhula

Ixesha lokukhula ukusukela ngethuba kuhlwayelwa imbewu ukuya ekuntshuleni kwamagaqa engcambu liphakathi kweeveki ezilishumi ukuya kwezi lishumi elinesibini. Amagqabi etheniphu wona angavunwa ukusuka kwiiveki ezintandathu ukuya kwezi sibhozo ukuba isityalo somelele ngokwaneleyo, kwaye neengcambu zikhula kakuhle. Susa kuphela amagqabi angaphandle ukuze kubekho amagqabi oneleyo ukugcina isityalo sikhula. Beka amagqabi kwindawo epholileyo msinyane emva kokuwasika.

Isichumiso

Kufuneka kuthathwe isampuli yomhlaba kwaye kufunwe neengcebiso zengcali ukuqinisekisa ukuba kugalelwa izinongo ngendlela efanelekileyo. Le ngcebiso ilandelayo yeqhelekileyo nenokulandelwa xa kuchunyiswa iitheniphu. Kwiveki eyandulela ukutyalwa galela ama 400 kg we 2:3:4 (30) kwi hekthare nganye, xa ulungisa umhlaba wokutyala uze uhlakule ama 20 cm omhlaba ongaphezulu. Oku kunika izinongo kanye emva kokutyala, kwaye kuzakunika izityalo Amandla wokuqala kuncede nakuxinzelelo olunokuthi lwenzeke ngethuba kufuduswa izithole kwindawo ebeziqale zakhuliselwa kuyo. Ukuba uhlwayela imbewu, galela okokuqala ecaleni kwemiqolo yokutyala xa kanye izityalo ziqala ukuntshula.
Kwiveki ezimbini ukuya kwezintathu ezilandelayo, phinda usasaze umlinganiselo olingana nowokuqala apha kwimiqolo yezityalo. Emva kwezinye iiveki ezimbini okanye ezintathu, phinda ugalele ama 350 kg we LAN kwi hekthare nganye. Galela apha emacaleni kwemiqolo yezityalo. Lomlinganiselo kufanele wanele ukuze isityalo sikhule ngokupheleleyo kwaye side silungele ukuvunwa. Khumbula ukusiphula ukhula rhoqo, njengoko ukhula lungafunxa zonke izinongo ezenzelwe isityalo.

Ukunkcenkceshela

Ukuqinisekisa isivuno esihle nencasa emnandi, kubalulekile ukuthintela uxinzelelo lwamanzi kwimveliso yetheniphu. Ngaphambi kokutyala, qiniseka ukuba umhlaba ufumile kodwa ungadami amanzi. Hlwayela okanye utyale iitheniphuu kumhlaba ofumileyo uze unkcenkceshele kancinic emva kokutyala ukuze imbewu okanye izithole zikwazi ukuzinza kakuhle emhlabeni.
Eyona nto ibalulekileyo xa unkcenkceshela, kukubane hlelo elimisiweyo ukuqinisekisa ukuba umhlaba uhlala unamanzi oneleyo. Oku kungenziwa ngesandla okanye ngomhlakulo, okanye kufakwe iimitha zamanzi ukuze ubone ukuba umhlaba wakho unamanzi oneleyo okanye agqithisileyo.
Emva kokuba izityalo sele zizinzile, ungamane unkcenkceshela amanzi angama 30 mm ngeveki, kwiinyanga ezipholileyo zokukhula kwesityalo. Unganyusa umlinganiselo uwuse kuma 40 mm ukuya kuma 50 mm kwimozulu efudumeleyo. Khumbula ukunciphisa unkcenkceshelo ukuba kunethile uze wandise amatyeli okunkcenkceshela ngethuba lamaqondo obushushu aphezulu.

Translated by Zizipho Silwana