Ulawulo Lwesityalo se Theniphu

© Louise Brodie

Ukutshintshwa Kwesityalo

Tshintsha tshintsa iitheniphu kunye nezityalo ezingekho kusapho lwe Cruciferae. Ungatshintsha tshintsha rhoqo emva kweminyaka emithathu. Kungenjalo, qiniseka ukuba usebenzisa amachiza athintela izifo nezonakalisi.

Isivuno - iitoni kwi hekthare nganye

Esiqhelekileyo: 15 iitoni
Phakathana: 25 iitoni
Esihle: 40 iitoni

Ukuvunwa

Ukuvunwa kwee ngcambu ze theniphu kungenziwa ngesandla okanye ngomatshini wokuvuna. Xa kuvunwa amagqabi etheniphu, sika kuphela amagqabi angaphandle, ukuze amagqabi aseleyo angaphakathi angagcina isityalo sikhula. Lamagqabi kufuneka afuduselwe kwindawo epholileyo ngokukhawuleza emveni kokuba esikiwe, ukuthintela ukoma nokubuna.
Ingcambu ziyasitshulwa emhlabeni ze ezi ingcambu zithambileyo kunye namagqabi asikwe kushiyeke isiqu esimalunga ne 10 cm ngaphezulu kwe theniphu ukunciphisa ukuphela kwamanzi kwitheniphu ngaphambi kokuyipholisa.

Ukugcinwa

Ukugcinwa kweengcambu ze theniphu kungenziwa ngokukhuselekileyo ukufikelela kwiinyanga ezine.

Izonakalisi

Izonakalisi ezixhaphakileyo zii: Ntwala, Mbundane, Msundululu ongqukuva, Vivingane, Iimpethu zengcambuRoot kunye ne Wireworm.

Izifo

Ezinye izifo ezifuna ukubekwa iliso zithintelwe zezi: Blackleg fungus, Black root rot, Clubroot, Downey mildew, Loopers, Powdery Mildew, Rhizoctonia Rot, Rust kunye ne Sclerotinia.
Kuyakhuthazwa ukuba udibane nengcali yekhemikhali ekufutshane nawe kunye ne extension officer okanye i-agronomist mayelana nezona nkqubo zilungileyo zokukhusela izityalo kwummandla okanye kwingingqi ekuza kulinywa kuyo.

Translated by Zizipho Silwana