Ukutyalwa kwe Courgette

© Louise Brodie

Ukwandiswa

Ukwandiswa kwe courgette kungenziwa ngokutyalwa kwembewu.

Indlela Yokutyala

Kusenokutyalwa ngqo imbewu okanye kukhuliswe izithole ebusika kunye kuze xa imeko zilungile ezi zithole ziye kutyalwa emhlabeni. Ukutyalwa kwezithole kunika isiqinisekiso ngokuxinana kwesityalo xa sele zityalwa emhlabeni, kwaye oku kukwanceda ekubeni kukhawuleze kuvunwe.

Ukuqelelanisa

Iicourgettes kufanele ziqelelaniswe malunga nama 50 cm kwimiqolo engama 10 cm ukuqelelana. Ulimo oluhle lwezityalo ze courgette luphakathi kwama 10 000 kunye nama 15 000 ezityalo kwihekthare nganye. Imbewu zingatyalwa kumhlaba obunzulu ozi sentimitha ezisixhenxe.

Ixesha Lokuhlwayela

Ungahlwayela imbewu ngqo kanye emva kokudlula kweqabaka zokugqibela zexesha lase hlotyeni. Ukuba izithole ze courgette zikhuliselwa ngaphakathi kwindlu yokutyala (greenhouse) imbewu ingaqala ukutyalwa ngenyanga ka Julayi ze emva kweevek ezine ukuya kwezintlanu Zingakhushwa ziyokutyalwa phandle kanye emva kweqabaka zokugqibela. Oku kwenza ukuba zikhawuleze ukukhula.

Ixesha Lokutyala

Iicourgette zivamise ukutyalwa ekuqaleni kwentwasahlobo ukusuka ngenyanga ka Agasti ukuya ekuqaleni kwenyanga ka Novemba. Zisenokutyalwa unyaka wonke kwiingingqi ezinamaqondo obushushu angadluliyo kuma 30°C ixesha elide okanye ezingabinayo iqabaka ngeenyanga zobusika.

Ixesha Lokukhula

Ukusukela ekutyalweni kwembewu ukuya kwilixa apho iicourgette eziselula zilungele ukuvunwa, kuvamise ukuba sisithuba seveki ezisibhozo ukuya kwezilishumi. Emva koko kungaqhutyekwa nokuvunwa kabini ngeveki. Oku kukhuthaza nokukhula kweentyatyambo kunye nesiqhamo. Kungaqhutyekekwa nokuvunwa kangange veki ezintandathu.

Izichumiso

Ngaphambi kokutyala, kungcono uqale uthathe iisampuli zomhlaba oza kutyala kuwo ukuze ziye kuhlolwa. Kufanele ufumane neengcebiso kwi extension officer ekufutshane nawe okanye kwii agronomist mayelana nemfuno zezichumiso ezilungele icourgette.
Umlinganiselo wezichumiso ofanelekileyo umi ngoluhlobo: Ukugalela isichumiso ngethuba kutyalwa izithole, galela ama 350 ukuya kuma 400 kg we 3:1:5 (26) okanye omnye umxube we NPK ozele yi photaziyamu kanye phambi kokuba utyale uze uwudibanisele kumhlaba ongaphezulu wemiqolo yezityalo. Oku kwenza ukuba izityalo zifumane izichumiso zisafika emhlabeni. Xa kuhlwayelwa imbewu ngqo, ukugalelwa kwesichumiso kuzaku sasazwa kwimiqolo yezityalo, xa izityalo sele zivelile kwaye ziyi 5 cm ukuya kwi 10 cm ubude.
Malunga neeveki ezi 3 ukuya kwezi 4 emva kokugalela isichumiso okokuqala, ungaphinde ugalele umlinganiselo olinganayo nowokuqala. Ukuba unkcenkceshela nge drip, ungagalela ezi zichumiso ube sele unkcenkceshela. Izichumiso ezingamanzi zidla ngokugalelwa izihlandlo ezine ukuya kwezintlanu ngethuba izityalo zisakhula.
Kungcono ungasebenzisi initrogen eninzi, kuba oku kuphuhlisa ukukhula kwamagqabi endaweni yokuba kukhule iintyatyambo, ngokunjalo naxa kugalelwe imixube ezele ziphotaziyamu.

Ukunkcenkceshela

Iicourgette zingankcenkceshelwa sisitshizi esibekwe entla kwezityalo. Abalimi bezentengiso sele betshintshela kwindlela yokunkcenkceshela ebizwa nge drip. Le ndlela ye drip yonga amanzi kwaye inika isityalo amanzi oneleyo kunye nezinongo ezidingekayo. Amanzi agaleleka emagqabini nakwiintyatyambo aphuma kwiizitshizi adodobalisa ipollination aze aphuhlise ukungunda nokubola kwesityalo.
Iingcambu ze courgette azingeni nzulu emhlabeni, nto leyo yenza ukuba esi sityalo sibe ethethe kuxinzelelo lwamanzi. Ngoko ke, kucetyiswa ukuba unkcenkceshele kabini ngeveki ukuqinisekisa ukuba umhlaba uhlala ufume ngokwaneleyo. Ngokwesiqhelo kungankcenkceshelwa amanzi angama ±30 mm ngeveki. Ungohlula esi sibalo phakathi, umzekelo ungankcenkceshela nge 15 mm yamanzi kolunye usuku uze uphinde ngelinye i15mm ngolunye usuku. Kodwa ke ukuba amaqondo obushushu ayonyuka ungawunyusa lomlinganiselo.
Kungumbono omhle ukuba uwuhlole rhoqo umhlaba indlela ofume/omanzi ngayo. Ungawuhlola ngesandla usebenzisa umhlakulo okanye ufake izixhobo zokuhlola amanzi ezibizwa nge
moisture tension meters kwindawo yonke otyalwe kuyo. Kubalulekile ukuba uthintele uxinzelelo lwamanzi kunokuba uzame ukulungisa umonakalo osele wenzekile.

Translated by Zizipho Silwana