I-Courgette

© Louise Brodie
Igama le Sayensi: Cucurbita Pepo
Igama Eliqhelekileyo: Courgette, Zucchini, Marrow or Baby marrow.

Inkcazelo Ngesityalo

Isityalo secourgette seso sapho lwe cucurbit kwaye siqulathe iziqu ezinabayo ukukhula, kunye namagqabi amakhulu anoboya nanombala oluhlaza ocacileyo. Sisityalo sohlobo kwaye senziwe oku kwesityalo sasendle. Kuqale kuvee iintyatyambo ezizinkunzi eziqwini kuqala. Iintyatyambo ezizimazi zivela kade kwaye zinemizantsi engqukuvana, nejika ibe sisiqhambo se courgette. Iziqu zinganwenwa zibe malunga ne1000 mm ukusuka apho imbewe okanye isithole sityalwe khona.
Iicourgette sisityalo esikhawulezayo ukukhula kwaye singavunwa kwiiveki ezisibhozo emva kokutyalwa kwembewu. Esi sityali sikhangeleka oku kwesasendle, kunezinye izityalo ezikusapho lwe cucurbits, ngoko ke singatyalwa sixinane.

Imisebenzi

Iicourgettes zityiwa kakhulu ngethuba ziselula, xa zimalunga ne 12cm ukuya kwi 15 cm ubude. Zityiwa njengee baby marrows okanye izucchini. Zisenokuyekwa de zide zibemalunga nama t 40 cm ukuya kuma 50 cm long, sele izimarrows. Kunqabile ke kodwa oku njengoko ixolo liqina nalo elithanga libengathi yimitya. Oku kukwacothsa nokukhula kunciphise nokudaleka kweentyatyambo, ze kubekho iziqhamo ezimbalwa xe sele ivunwa. Iicourgettes zinga gcadwa, zibiliswe zinkonxwe okanye zenziwe irostile kwi oveni. Esi siqhamo neentyatyambo zaso singagalelwa kwiisaladi okanye zityiwe zodwa njengemifuno. Zisenokugalelwa nakwi zityu kunye nakweminye imifuno edityanisiweyo. Zinencasa kakhulu kwaye ziyakrwamza xa zityiwe ziluhlaza. Zisenogutywa kweziwe ngazo nesonka okanye iikeyiki ze courgette.

Iimfuno Zomhlaba kunye Namalungiselelo

Iicourgettes zithanda umhlaba okwaziyo ukufunxa kakuhle amanzi kunye nezichumiso ezininzi. IpH yomhlaba kufuneka ibene asidi encinane ephakathi kwesi 6 kunye nesi 7.
Umhlaba kufunek ulungiswe ngokweziphumo zohlolo lweesampuli zomhlaba. Malunga neeveki ezintandathu phambi kokutyala, hlakula umhlaba ngobunzulu obungama 500mm. Oku ke kudla ngokuquka ukuhlakula iintsalela zesityalo ebesikade silapho ngaphambili, ukhula okanye umgquba. Kungagalelwa ne lime ukuba ipH ingaphantsi kwesi 6. Kwiveki yokugqibela phambi kokutyala, ungahlakula nge disc harrow, ubunzulu obungama 200 mm, oku ke kugangatha umhlaba kubulale nokhula ebeseliqala ukukhula.
Ukuba kutyalwa kwiimihlaba ephakanyisiweyo, ungaphakamisa le ndawo ngezixhobo ezifanelekileyo. Galela zonke izinongo okanye izichumiso ezidingekayo uze uphinde uhlakule nge disc harrow okwesibini. Oku kunceda ekulungiseni umhlaba ongaphezulu kuze kuqhekeze namagade akhoyo omhlaba. Ukuba kuza kutyalwa izithole ze courgette kungagalelwa izichumiso kuze kuhlakulwe kumhlaba obunzulu obungama 20cm bomhlaba ongaphezulu kwimiqolo ekutyawe kuyo.

Imozulu

Iicourgette zizityalo zexesha lase hlotyeni, elifudumeleyo nezidla ngokutyalwa ukusukela ekuqaleni kwentwasahlobo ukuya embindini we hlobo. Kwiindawo ezisemantla ezinemvula zase hlotyeni zase Mzantsi Afrika, esi sityalo silinywa unyaka wonke nalapho kungekho qabaka zimandla ngexesha lase hlotyeni. Awona maqondo obushushu alungela esi sityalo aphakathi kwama 20°C kunye nama 24°C. Amaqondo obushushu angaphezulu koku enza kukhawuleze kukhule amagqabi kube kungekaveli zintyatyambo. Ukukhula okulungileyo kwembewu ye courgette kudinga amaqondo obushushu angaphezulu kwe 12°C.

Iindidi Zesityalo

Zininzi kakhulu iindidi zecourgette kwaye ngoku sele kuveliswe ne F1 hybrids ezintsha. Kungcono ufune iingcebiso kubathengi mayelana nendidi ezithandwa luluntu. Usenokufuna ezi ngcebiso nakwi extension officer kunye nengcali ngeembewu ezikufutshane nawe, mayelana nendidi ezinokulungela indawo oza kutyala kuyo.
Ezinye iindidi eziveliswayo zezi: Caserta, Cigal, golden butter, green tiger, Mira, monitor, Nero Milan, northern star, star 8021, star 8023, star 8024 kunye ne Tromboncino.

Translated by Zizipho Silwana