Ulawulo Lwes Sityalo se Courgette

© Roger de la Harpe

Ukutshintshwa Kwe Sityalo

Tshintsha-tshintsha nezityalo ezingekho kusapho olunye neecourgette ukuthintela ukwanda kwezonakalisi nezifo ezixhaphakileyo ezihlasela izityalo ze Cucurbit.

Isivuno - iitoni kwi hekthare nganye

Ngokwesiqhelo:7 iitoni
Esihle: 12 iitoni
Esiphakathana:20+ iitoni

Ukuvunwa

Icourgette ingavunwa ngesandla kusetyenziswa iimela okanye amarhengqe. Ungavuna iicourgette ezincinane, xa isiqhamo simalunga ne 12 cm kunye ne 15 cm ubude. Ezinye zingasikwa ngethuba intyatyambo isekhona. Iicourgette ezinkulu zingavunwa xa ziphakathi kwama 30cm kunye nama 40 cm ubude kwaye zibizwa nge marrow. Ezinye iimarrow zingayekwa ukuze zivelise imbewu yokuphinda kutyalwe ezinye.
Xa kuvunwa icourgette, kungcono ukuyisika ngendlela yokuba kushiyeke isinqam sesiqu (10-15mm) kule ivuniwe. Ubumanzi obukwesi sinqam bunceda ekuthinteleni ukoma kwesityalo emva kokuba sesivuniwe.
Vuna uze ufudusele iimarrows ezincinane kwindawo epholileyo, kanye emva kokuvuna. Phatha isiqhamo ngenkathalo njengoko siselula kwaye nexolo lingonakala lula. Xa amaxolo ayo onakele ayinakuthengiswa. Xa sele isiqhamo sikwindawo yokupakisha, siya bekwa ngokwezigaba size sipakishwe.
Iicourgettes ezonakeleyo kancinci zithunyelwa kwicala lokukhenkceziswa (freezing) okanye kwenziwe ngazo ezinye izinto zokutya (processing).

Ukugcinwa

Iicourgettes azinakho ukuhlala isithuba esingaphaya kweentsuku ezilishumi ziselugcinweni. Xa zisisiwa elugcinweni kufuneka kuqalwe kususwe ubushushu basentsimini nge hydro cooling okanye ngomoya ovuthelweyo ongaphaya kwama 95%, ukuthintela ukoma ngoko nangoko emva kokuvunwa.
Emva koku, zingagcinwa kumaqondo aphakathi kwe 6 °C ukuya kwi 8 °C kunye nokufuma okungama 95% kangange sithuba seentsuku ezilushumi. Iicourgettes zibuthathaka kwingqele emmandla, ngoko ke qaphela ungazibeki kuma qondo angaphantsi kwe below 6 °C. Kuba esi sityalo sivunwa singeka gqibeleli ncam, siyakhawuleza kakhulu ukonakala, ngoko ke kufuneka sithengiswe kwamsinya kangangoko. Kufuneka sigcinwe endaweni ebandayo/epholileyo de sibe kanti siyatyiwa.

Izonakalisi

Ezinye izonakalisi ezixhaphakileyo zezi: Aphids, cutworms, Epilachna beetle, fruit fly, leaf miners, red spider mite, thrips kunye ne white fly.

Izifo

Ezinye zezifo ezixhaphakileyo zezi: Anthracnose, damping off, downey mildew, mosaic virus kunye ne powdery mildew.
Mayelana nothintelo lwezifo kunye nezonakalisi, kungumbono omhle ukufuna iingcebiso kwi extension officer, agronomist kunye neengcali zekhemikhali ezikufutshane nawe ngendlela zokukhusela nokuthintela izityalo zakho kunye neendlela zokunyanga esele zichaphazelekile.
Khumbula ukuba uthintelo lungcono kwaye aluxabisi kangako kunokunyanga umonakalo osele udalekile.

Translated by Zizipho Silwana