Ukutyalwa Kwe Cauliflower

© Louise Brodie

Ukwandiswa

Ukwandiswa/ukukhuliswa kwe Cauliflower kungenziwa ngembewu.

Indlela Yokutyala

Icauliflower ingakhuliswa ngokuhlwayela imbewu. Nangona oku ingeyonto yenziwayo ngamafama entengiso amaninzi kuba ingavelisi sivuno silinganayo kwaye sifanayo. Imeko zezulu nazo zingangafani nto leyo inokubangela ukulibaziseka ekukhuleni kwesityalo. Tyala imbewu kwinzulu eli 12mm ukuya kwi 15 mm yomhlaba kwaye uzame nokomba ngokulinganayo ukuze nesityalo sikhule ngokulinganayo.
Eyona ndlela ixhaphakileyo yokutyala, kukutyala izithole esele zintshulele kwiindawo ezithengise izityalo nembewu. Imbewu ye cauliflower ityalwa kwii treyi zembewu ize ikhuliselwe kwizindlu zokukhulisela izityalo (greenhouses) kumaqondo angama 20°C kunye nomoya opholileyo, zithi zikhutshwe emva kwentsuku ezingama 30 ukuya kuma 35 emva kokutyalwa. Ngeli lixa sube zimalunga ne 15 cm ubude kwaye sele kuvele namagqabi amahlanu ukuya kwisithandathu. Icauliflower ivamise ukutyalwa ngesandla, kodwa abanye abavelisi bentengiso basebenzisa imitshini yokutyala.

Ukuqelelanisa

Izityalo kufuneka ziqelelaniswe kangangama 50 cm kwimiqolo eqelelene kangaka ngama 60 cm. Zama ukuba nezityalo ezingama 30 000 kwi hekthare nganye. Amafama angatyala iicauliflower nakwi tram lines ezinemiqolo ethande ukuba banzi rhoqo emva kwemiqolo emibini.
iiTram lines zingatyalwa kuma 40 cm phakathi kwezityalo ezikwimiqolo kunye nama 50 cm phakathi kwemiqolo kunye nama 60 cm ukuya kuma 100 cm kwiindlela zokusebenza eziphakathi kwe tram lines.

Ixesha Lokuhlwayela

Nangona le ingeyona ndlela ixhaphakileyo yokutyala, imbewu ye cauliflower ingahlwayelwa ngqo nani na enyakeni ukuba nje amaqondo obushushu ahlala engaphezulu kwe 15°C. Ungahlwayeli kumaqondo abandayo angaphantsi kwe 10°C njengoko oku kubangela ukuntshula kwesithole kubenzima.

Ixesha Lokutyala

Ukutyalwa kwezithole ze cauliflower kungenziwa unyaka wonke ngaphandle kwamaxesha okanye iingingqi ezishushu kakhulu okanye ezibanda kakhulu. Ngoko ke, kuninzi lwendawo ezise Mzantsi Afrika sukutyala phakathi kweenyanga zika Meyi nasembindini kweka Agasti ngenxa yengqele zobusika. Tyala kuphela izithole ezomeleleyo nezikhule ngokulinganayo kuba oku kuzakwenza nesityalo sikhule ngaxeshanye kwenze lifutshane nelixa lokuvuna.

Ixesha Lokukhula

Kuxhomekeka kwindidi yesityalo kunye nemozulu, ukukhula kwesityalo ukusukela ngexesha lokutyalwa kwezithole ukuya ekukhuleni kwesityalo ngokupheleleyo kuba phakathi kweeveki ezili 8 kunye ne 12. Ezinye iindidi ze cauliflower zingabe sele zilungele kwixeshana nje elingange veki ezi 6 ukusuka kwixesha lokutyalwa. Kwaye oku kungenzeka ngakumbi ukuba bekutyalwe izithole ezomeleleyo phantsi kwemeko ezilungileyo.

Isichumiso

Eyona ndlela ilungileyo kukulandlela imigaqo oyinikwe ngumcebisi wakho ngokweziphumo zohlolo lwe sampuli zohlolo lomhlaba, kwakunye nangokwengcebiso oyinikiweyo malunga nendidi yesityalo omawusilime.
Icauliflower ikholwa zizinongo ezaneleyo, kwaye njengokuba ikhula kwixeshana elifutshane ifuna umlinganiselo ongaphaya koqhelekileyo wesichumiso. Phambi kokutyala galela ama 250 kg ukuya kuma 300 kg omxube we NPK, ngoluhlobo 3:1:5 (35) kwi hekthare nganye. Vubela oku emhlabeni ongaphezulu kwibala ozakutyala kulo. Xa sele izithole ezitsha zizinzile malunga neentsuku ezilishumi emva kokutyala, phinda ugalele emacaleni umlinganiselo ongama 200 kg ukuya kuma 250 kg kwi hekthare nganye.
Lomxube wesibini ungawugalelo ngoluhlobo: 3:1:5 (35) ecaleni kwemiqolo yezityalo, uze unkcenkceshele zingene emhlabeni. Phinda oku kwiintsuku ezingama 18 ukuya kuma 21 emva kokutyala, uphinde kwakhona emva kwentsuku ezimalunga nama 30 ukuya kuma 35 emva kokutyala. Lo mlinganiselo uzakwanela ukuba isityalo sikhule ngokugqibeleleyo. Amagqabi ecauliflower kufuneka abesempilweni kwaye abeluhlaza ocacileyo ngombala. Ukuba kukho iimpawu ezifana noluhlaza ongacacanga okanye amagqabi ajika abetyheli, oku kungathetha ukuba kudingeka ukongezwa omnye umxube wesichumiso.

Ukunkcenkceshela

Qinisekisa ukuba umhlaba unkcenkceshelwe ngaphambi kokutyala icauliflower, uphinde kwakhona kanye emva kokutyala ukuze izithole eziselula zikwazi ukuzinza kakuhle. Musa ukunkcenkceshela ngokugqithisileyo, njengoko oku kungafunxa zonke izinonzo zokuqala ebesele zigalelwe. Nkcenkceshela malunga ne 10 mm kusuku phambi kokutyala uphinde kwakhona kanye emva kokutyala. Emva koko malunga ne 15 mm ukuya kuma 20 mm ngeveki kwiiveki ezimbini zokuqala ze ibengama 25 mm ukuya kuma 30 mm ngeveki. Ukuba amaqondo obushushu aphezulu, ungenyusa umlinganiselo ubengama 35 mm ukuya kuma 45 mm ngeveki.

Translated by Zizipho Silwana