Ulawulo Lwesityalo se Cauliflower

© Louise Brodie

Ukutshintshwa Kwesityalo

Qala ulime iimbotyi phambi kokuba ulime icauliflower. Landelisa ngesityalo sokugquma uze ulandelise ngesityalo esikusapho lwe tamati Ukuba umhlaba usetyenziswa rhoqo ukuvelisa intlobo enye yezityalo, ungasebenzisa iindlela zokuthintela izityalo zakho kwizifo nezonakalisi. Kucetyiswa ukuba usebenzise izitshizi zomhlaba ezibulala izonakalisi. Qinisekisa ukuba umhlaba wakho utyetyiswe ngesichumiso.
Isivuno (Iitoni kwi hekthare nganye)
Ngokwesiqhelo: 12 iitoni
Phakathana: 18 iitoni
Esihle: 25 iitoni

Ukuvunwa

Icauliflower ivamise ukuvunwa ngesandla. Kungasetyenziswa iimela ezibukhali kusikwe isiqu esingaphezulu emhlabeni, kunye namagqabi ambalwa ajikeleze intloko ukuze ayikhusele. Ikhona ke nemitshini encedisana nokuvuna. Le mitshini inceda ekuthutheni icauliflower entsimini iyise apho izakupakishelwa khona. Kuba kufuneka icauliflower ikhethwe ngaphambi kokuvunwa, kwaye neentloko zisonakala msinya iye ivunwe ngesandla ikakhulu. Ayikabikho imitshini ekwaziyo ukukhetha nokuvuna ngendlela efanelekileyo. Njengokuba ubuchwephesha/teknoloji buya buphucuka, ikhona imizamo esaqulunqwayo yokwakha imitshini ekwazi ukukhetha isivuno ngendlela eyiyo.
Kodwa ke okwangoku, ukuvunwa kwe cauliflower isengumsebenzi onzima, noyinkcitho mali eninzi. Ukuba nje kungavunwa kubekanye, kungamane kuphindelwa entsimini, ukuvunwa kwesi sityalo kungaba lixabiso elifikelelekayo. Ngoko ke, ukuba isityalo sonke siyafana, nesibalo esivunwayo ngetyeli lokuqala sizakubaphezulu. Xa sele uyikhile, thuthela icauliflower kwindawo epholileyo ukuza igcinwe. Phatha ngocoselelo iintloko zesityalo njengoko kwamonakalo ungakhokelela kwiziva nokubola, nto leyo inokwenza ukuba isityalo singathengiseki.

Ukugcinwa

Xa ugcina icauliflower ixeshana elifutshane kwi shedi epholileyo, amaqondo obushushu kufanele abephakathi kwe 2°C kunye ne 4°C kunye nomoya opholileyo ongama 95% (okanye ngaphezulu) ngaphambi kokuba isiwe emakethi. Ukuba kukho isidingo sokugcina imveliso ixesha elide elingafikelela kwinyanga, ngoko ke oku kufanele kubeyi +0.5°C to 2°C ubuncinane kwakunye nama 95% omoya opholileyo.

Izonakalisi

Iintwala, Army worm, Cabbage worm, ivivingane, Loopers, Imisundululu engqukuva, Thrips kunye ne white fly.

Izifo

iAlternaria, bacterial leaf spot, Black rot, Clubroot, Downey Mildew, Phytophthora, Verticillium kunye ne Wire stem.
Kungumbono omhle ukuba ufumane iingcebiso uze utyale nesityalo sokugquma/khusela esilungileyo. Iingebiso ungazifumana kumcebisi ngekhemikhali okufuphi nawe kunye nakwi extension officer yommandla.

Translated by Zizipho Silwana