I-Cauliflower

© Louise Brodie
Igama leSayensi: Brassica Oleracea var. Botrytis Igama Eliqhelekileyo: Cauliflower

Inkcazelo Ngesityalo

iCauliflower yinxalenye yosapho lwezityalo ze broccoli, Brussel sprouts, ikhaphetshu kunye ne kale. Kuthiwa imvelaphi ye cauliflower ise Mzantsi Ntshona Asia okanye e Turkey. Isisizukulwana sekhaphetshu yasendle, kwaye emva kokumane itshintsha ide yabayilemifuno siyaziyo namhlanje.

Olu tshintsho lwenzeka kwiminyaka engaphaya kwama 2000 eyadlulayo Esi sityalo sinamagqabi aluhlaza ocacileyo, adlaka dlaka ajikeleze igaqa elineentloko ezixineneyo zeentyatyambo ezimhlophe. Eli gaqa lilo elona likukutya kwesi sityalo. Eli gaqa lityiwayo lineentyatyambo ezingagqibelelanga likwabizwa nge “curd” ngesiNgesi.

Imisebenzi

Esi sityalo sizele zizinongo ze Potassium kunye ne Vithamin B kunye no C. Sisetyenziswa njengemifuno esempilweni ye carbohydrates kunye ne fibre.

Amagqabi kunye negaqa ayatyeka, nangona eyona ndawo imnandi ityiwayo ileligaqa lenziwe ziintyatyambo ezincinci. Eli gaqa liya qhekezwa lize lifuthiswe okanye libizwe imizuzwana embalwa. Isenokutyiwa iluhlaza kwii saladi. Kusenokwenziwa ngayo isuphu.

Iimfuno Zomhlaba Namalungiselelo

Kungcono utyale icauliflower kwi santi efumileyo, nezele zizinongo ekwaziyo nokufunxa amanzi. IpH yomhaba kufuneka ibephakathi kwe 6.5 kunye ne 7.

Lungisa umhlaba wakho kwangethuba phambi kokutyala, ukuze unike ithuba lokuzinza imigquba okanye iimanyolo othe wazigalela. Qala ngokuthatha iisampuli zomhlaba. Ukuba kukho izinto ezidingekayo ezifana ne lime ye pH okanye umgquba okanye imanyolo, ngoko ke sarhaza zonke ezi zinto ngokwemiyalelo oyifumene emva kohlolwe lwesampuli zomhlaba.

Oku kungenziwa kwiiveki ezine phambi kokutyala. Ukuba kufueka kutyalwe isityalo esiluhlaza sokugquma/sokukhusela ngaphambi kokutyala icauliflower, oku kufuneka kwenziwe malunga neeveku ezili 2 phambi kokulima icauliflower ukuze isityalo sifumane ithuba lokukhula.

Malunga neeveki ezine emva kokutyala, isityalo esiluhlaza sokugquma/khusela siyasikwa okanye sisitshulwe. Siye sihlakulelwe kuma 500 mm omhlaba ongaphezulu kunye nomgquba, manyolo, lime kunye ne superphosphate, ukuba sikhona isidingo.

Landelisa nge disk harrow emva kweveki, nezakuthi igangathe umhlaba ize isiphule nentsalela zesityalo ebesishiyekele kuma 20cm omhlaba ongaphezulu. Kwisithuba seveki ngaphambi kokutyala, cokisisa okokugqibela nge disk harrow kweli bala uzakutyala kulo.

Oku kudibanisa izichumiso ebezigalelwe phambi kokutyala, kube kutshabalalisa kwakhula okunokwenzeka ukuba belusele luqala ukukhula. Ngaxeshanye uzakube ugangatha ibala elizakutyala ulungiselela ukutyala.

Imozulu

iCauliflower ikhula kumaqondo obushushu ahlukeneyo aqala kuma 15°C ukuya kuma 24°C. Esi sityalo singatyalwa nakwiingingqi ezipholileyo.

Ayikhuli kakuhle ke kodwa phantsi kwamaqondo abandayo angaphantsi kwesi 5°C okanye kwiingingqi ezitshisayo ezinamaqondo angaphaya kwama 30°C ixesha elide. Kumaqondo obushushu anjalo, ukukhula kwamagaqa kuyaphazamiseka ngeyona ndlela.

Iindidi Zesityalo

Mininzi imixube emitsha yesi sityalo esele iveliselwe ukumelana nemo ezimaxongo nokumelana nemozulu ezahlukeneyo.

Kungcono ukuba ufumane iingcebiso kumthengisi wembewu okufutshane nawe okanye kwi extension officer njengoko beza kukwazi ukunika ingcebiso mayelana nendidi elungele ukuveliswa kwimo zengingqi okuyo.

Ezinye iindidi ongazijonga zezi: Arano, Huntsmen, Juneau, Sabadel, Synergy, TSX C22, TSX C40 kunye ne White Gold.

Translated by Zizipho Silwana