Ukutyalwa kwe-Brokholi

© Louise Brodie

Ukusasazeka

Usasazo lwesityalo luvela kwimbewu.

Indlela Yokutyala

Abanye abakhulisi bayihlwayela ngqo emhlabeni kodwa eyona ndlela eneziphumo ezintle yokutyala i-brokholi kukubeka amathole wesityalo kwitreyi futhi xasele angange 150 mm ngobude, aye aikhutshelwe atyalwe emasimini.

Ulwahlulo

Izityalo ze-brokholi kumele zohlulwe ngesentimitha eziyi-40 ukuya ku-50 ngaphandle kwimiqolo ehlulwe ziisentimitha eziyi 50. Lento iphakathi kwe 30 000 ukuya kwi 40 000 yezityalo kwi-hektare nganye. Kulungile nokumana uvula imiqolo yezityalo ze-brokholi kuba lonto ivumela ungeniso lokukhanya kunye nomoya ezityalweni.

Ixesha Lokuhlwayela

Imbewu ye-brokholi ihlwayelwa ekupheleni kwehlobo xa amaqondo emozulu ewile. eMzantsi Afrika lento yenzeka ekupheleni kwenyanga yoMdumba kwiindawo ezipholileyo ukuya pha ekuqaleni kwenyanga kaCanzibe kwiingingqi ezishushu.

Ixesha Lokutyala

Malunga neeveki ezine ukuya kwezintlanu emva kokuba imbewu ityaliwe, umthombo we-brokholi kufuneka ulungele ukutyalwa ngaphandle. E-Mzantsi Afrika ityalwa pha ekuqaleni kwenyanga kaTshazimpunzi ukuya ekuqaleni kweyeSilimela. Kwezinye indawo, entlakohlaza nakuqala ihlobo amaqondo emozulu abaphantsi, kwaye ngungatyalwa pha ekuqaleni kwentswasahlobo, xa imbewu ivunwe phambi kokuba imozulu itshise kakhulu.

Ixesha Lokuyikhulisa

i-Brokholi ikhula msinyane kwaye ayifani nezinye i-Brassicas ezinje ngekhaphetshu. I-Brokholi ingavunwa kwiveki ezintandathu (6), emva kokutyala umthombo/imbewu. Xa ityalwe ebusika, kwindawo ekhula kuyo kakhulu, lonto ingacothisa uphuhliso lwayo futhi yandise nexesha ekhula ngayo ukusuka kwiiveki ezisibhozo ukuya kwezilishumi xasele kutywalwe imbewu. Eyona nto ibalulekileyo elawula ixesha lokuyikhulisa kunye novuno lwe-brokholi, kukuqinisekisa ukuba uvuna phambi kokuba iintloko zayo zimile.

Uchumiso

Umhlaba kufuneka ahloliwe. I-Brokholi sisondlo esiphakathi kwaye nesikhulu. Dibanisa indlela yakho eqhelekileyo yokuchumisa no-manyola kunye/ okanye nomgquba, kuba i-brokholi ikhula kumhlaba otyebileyo.

Ingcebiso jikelele ithi phambi kokuba utyale, lima ngekhuba kwindawo engange 80 kg ze 2:3:4 ukuqinisekisa ukuba i-brokholi yakho ikhule kakuhle kwasekuqaleni. Abanye abakhulisi bayo bakhetha ukusebenzisa umanyola wenkukhu phambi kokuba batyale. I-Brokholi ikhawuleza ikhule, ngoko kubalulekile ukuba kubekhona isondlo esaneleyo emhlabeni ngeeveki zokuqala ityaliwe. Lonto inyusa ukhulo lwentloko ephilileyo, elinentyantyambo.

Isicelo semvume ze 350 kg ye-LAN ngokwe-hektare nganye pha kwimiqolo yezityalo, inganikwa emva kweveki ezimbini kutyaliwe kwaye ne 400 kg ye-LAN ngokwe-hektare nganye?? Kwiveki ezine ukuya kwezintlanu emveni kokuba kutyaliwe.

Unkcenkceshelo

Nkcenkceshela imbewu ye-brokholi kanye ngemini ide ilungele ukutyalwa ngaphandle. Nkcenkceshela indawo ekuzotyalwa kuyo ukwenzela ukuba imbewu ityalwe kwindawo efumileyo. Xa sele kutyaliwe nkcenkceshela izityalo ngoko nangoko kwindawo entsha. Emveni koko, zinkcenkceshele qho ngeveki ngamanzi angange 25 mm ukuya kwi 35 mm, ngokuxhomekeke kumaqondo emozulu, imvula kunye nohlobo lomhlaba.

Translated by Aviwe Damane