Ulawulo Lwesityalo i-Brokholi

© Louise Brodie

Utshintsha - Ntshitsho Lwezityalo

Zintshintshana kunye nosapho lwamatswele (alliums) ( umzekelo i-anyanisi, igalikhi, itswele lasendle (leeks) okanye imidumba

Isivuno - itoni nganye kwi-hektare

Ulondolozo olufanelekileyo:itoni eziyi 5
Umyinge: itoni eziyi 8
Olulungileyo: itoni eziyi 12

Ukuvuna

Isivuno sebrokholi senziwa ngesandla. Umbindi wentloko unqunyulwa esiqwini kangange sentimitha eziyi 10 ukuya ku 15 ukwenzela ukuba intloko ingomi. Xa i-brokholi iqalisa ukoma emva kwesivuno, kucetyiswa ukuba ifakwe kwindawo epholileyo ngokukhawuleza okudibene nokungxama. Baninzi abalimi bayo bezorhwebo abavuna iindidi ezahluka-hlukeneyo ngenxa yemitshini yokuvuna. Lento ifuna ukuba zonke iintloko zivunwe ngexesha elinye.

Ugcino

iBrokholi ebekwe kwiqonqo elingu 0 ukuya ku 1°C futhi endaweni efume kangange 95%, iyagcineka kude kube zintsuku eziyi 14. i-Brokholi egcinwe ithuba elide iyabola kwaye kuthiwa iphulukana nempawu zempilo xa ihleli isidala.

Izinambuzane

Ngenxa yokuba i-brokholi ikhula kwiinyanga zasebusika, izinambuzane zithande ukunqaba. Ngokunjalo kucetyiswa ukuba kuhlolwe kwaye kulandelwe inkqubo ekhusela izityalo. Izinambuzane eziqhelekileyo ezifunyanwayo ziquka: i-Bollworm, i-aphids, i-Root fly, i-diamond-back moth kunye ne- webworm.

Izifo

Ezona zifo eziqhelekileyo yi blackleg, i-black rot, i-downy mildew, i-cubroot, i-soft rot kunye ne- sclerotinia rot.

Translated by Aviwe Damane