i-Brokholi

© Louise Brodie

Igama leSayensi: Brassica oleracea
Amagama aqhelekileyo: Broccoli, Italian Broccoli or Calabrese Broccoli

Inkcazelo Ngesityalo

I-Brokholi ikhula ibengathi ymvuthulula yamagqabi aluhlaza ambokoxo ayi 8 ukuya ku 12, intloko yentyantyambo okanye eye-brokholi ikhulela ngaphandle. Lentloko yayo ngumfino onomsoco otyiwayo. Iquka amasebe amaninzi aqokelelelwe ndawonye, isebe ngalinye linentyatyambo entloko futhi onke enza undoqo wentloko. I-brokholi ezinamasebe athambileyo; ziludidi olude, olunesiqu esincinci kunye neentloko ezincinci futhi kukhona ezinye iintlobo ze-brokholi ezityalelwe nje usebenziso lwamagqabi wazo. Rise above empire

Umsebenzi

Ityiwa ngengomfuno, iyaqhotshwa, iphekwe, ibilisiwe futhi ngamanye amaxesha ityiwa iluhlaza kwi-saladi. I-Brokholi kuthiwa ngowona mfuno onesondlo. Izinga le-vithamini A kunye no C liphezulu kakhulu. I-Brocolli inezinga eliphezulu kwi-asidi ye-folic, i-magnesium, ikhalsiyam kunye ne-Iron. I-Brokholi iphezulu nge-fayibha futhi inezixhobo ekuthiwa ziyakwazi ukulwa nesifo somhlaza.

Imfuno kunye Nolungiselelo Lomhlaba

i-Brokholi ikhula kakuhle kumhlaba ococekileyo, onesanti ophezulu kwizinto eziphilayo okanye othelwe umgquba. I-Brokholi idinga umhlaba one-pH ephakathi kwe 6 kunye ne 6.8. kwaye naluphi na ulungiso lwe-pH oludingekayo lwenzeka ngelixesha nalo.Umhlaba ulungiswa ngokuwuhlakulela ngaphandle aphinde alinywe kubunzulu obungange milimitha eziyi 600. Ngelixesha nayiphi na i-lime, i-manyola kunye nomgquba zifuneka phambi kokuba kutyalwe emhlabeni. Ikhuba lingasetyenziswa ukulungisa izinga lendawo ekuzotyalwa kuyo.

Imozulu

I-Brokholi sisityalo esikhula kwimeko yemozulu epholileyo futhi ikhula kakuhle xa amaqondo emozulu amane eguquka phakathi kwe 14°C ukuya 20°C. Kodwa ayikhuli kakuhle xa kwiqondo lemozulu elingaphezu kwe 24°C. Imveliso ye-Brokholi yenzeka eMzantsi Afrika ngexesha lasebusika ukuya ekuqaleni kwentlakohlaza.

Abalimi

u-Valiant, Ares, Romanesco, Early Pearl, Pharos, Calabrese, Imagine, Waltham, Naxos kunye no Rapini

Translated by Aviwe Damane