Ukutyala iTswele

© Louise Brodie

Ukulikhulisa

Amatswele akhuliswa eyimbewu, ngokuthi uyikhulise okanye uthathe imithana ekhule kwizityalo ezikhulu okanye uthathe imbewu ngqo. Kuvamise ukuba yimpumelelo xa ukhulisa imithana esele intshulile kunokuba uqale ekuqaleni ukhulise imbewu. Umhlaba wokutyala kufuneka ube fayni. Imbewu kufuneka ityalwe ngokwemiqolo ukuqinisekisa ukungena komoya owaneleyo kwaye kubelula nokulawula ukhula. Imingcuma kufuneka iqelelane umgama ongama 15cm kwaye imbewu ityalwe kumngxuma kwaye imbewu kufuneka ityalwe kwimingxunya ebunzulu buyi 10mm ukuya kwi 15mm. Ukuxinana kwembewu kufuneka kubehakath kwama 1500 kunye ne 2500 kwe e mbewu kwi 1m nganye.
Ukuba amaqondo obushushu aphezulu ngeli lixa, gqumathela indawo etyaliweto ngengcana encinci eyomileyo. Ungaysusa lengca xa sele isityalo siqala ukuntshula phakathi kwentsuku ezisi 7 ukuya kwezili 14 emva kokutyala. Xa sele kuntshule izityalo ezingama 8 mm ukuya kwi 9 mm ububanzi kunye ne 12 cm ukuya kwi 20 cm ubude zikulungele ukukhutshelwa. Amatswele emini ezimfutshaen kufanele uba sele ekulungele ukukhutshelwa phakathi kwe veki ezi 6 ukuya kwezisi 8.

Indlela Yokulityala

Ukuze ukhuphele, grumba imingxunya ebunzulu obuyi 2 cm ukuya kwi 4cm emhlabeni ze ubeke lendawo imhlophe yesityalo emgxunyeni. Ungawasusi amagqabi. Gqumathela iingcambu nge harika ubambhathe umhlaba ozirhangqileyo. Ungatyal nzulu kakhulu njengoko ok kunokubangela amagaqa abemade. Wugcine umhlaba ufumile iintsuku ezintlanu, xa sele izityalo zityaliwe zonke yeka iingcambu zizinze emhlabeni.

Ukuqelelana

Izityalo kufuneka ziqelelaniswe umgama oyi 8 cm ukuya kwi 10 cm, ngokwemiqolo eqelelene kangangama 20-25 cm. Oku kuphakathi kwezityalo ezingama 50 nama 60 i m² ngasinye.

Ixesha Lokulityala

Ixesha elilungileyo: Februwari - Matshi
Elinye elingcono: Januwari- Apreli

Ixesha Lokulityala

Ukuhlwayelwa fanele kuqalwe phambi kokuphela kwenyanga ka Matshi ukuze izityalo zikhutshelwe emasimini ngenyanga ka Meyi kunye neka Juni.

Ithuba Lokukhula

Kuvunwa kwintsuku ezimalunga nama 180 ukuya kuma 230 emva kokuhlwayelwa kwembewu okanye phakathi kwentsuku ezingama 100 ukuya kuma 120 emva kokutyala izityalo ezikhutshelweyo. Ukuvuna fanele kuqale xa ipesenti ezingama 50 ukuya 60 zamagqabi zintshulil ( zathi nca emhlabeni).

Izichumiso

Kuvunwa kwintsuku ezimalunga nama 180 ukuya kuma 230 emva kokuhlwayelwa kwembewu okanye phakathi kwentsuku ezingama 100 ukuya kuma 120 emva kokutyala izityalo ezikhutshelweyo. Ukuvuna fanele kuqale xa ipesenti ezingama 50 ukuya 60 zamagqabi zintshulil ( zathi nca emhlabeni).

Izichumiso

Xa kulungiswa umhlaba wokutyala kungadingeka iPhosphorus (P) eyongezelekileyo. Engeza ngohlobo lwe super phosphate. Ngokwesiqhelo I N:P:K ehambelanayo ingaxutywa kanje: 2:3:4. Lomxube ungafakwa ngokomlinganiselo ongama 1000 kg kwi hekhthare nganye kwaye ungonela.
Emva kweveki ezintathu kutyaliwe khakhona emva kweveki ezi 6 kutyaliwe. Umxube owaneleyo we Photaziyam (K) kunye ne Nitrate (N) ungafakwa ngokomlinganiselo ongama 150 ukuya kwi 250 ye Kilograms kwi hekthare nganye.

Unkcenkceshelo

Ngumyinge obalelwa kuma 500 mm ukuya kuma 600 mm wonkcenkceshelo odingekayo ngethuba lokukhula kwetswele. Oku kufanele kubengama 35 ukuya kuma 40 mm nge veki. Ukuba umhlaba uyisanti kakhulu ngoko ke kufuneka amaxesha onkcenkceshelo ancitshiswe.
Iingcambu zetswele zigxininise kumhlaba oyi 30 mm wonhlaba ngesi sizathu umhlaba kufuneka ugcinwe ufumile. Sukunkcenkceshela amatswele kangange veki ezintathu phambi kokuvuna.

Translated by Zizipho Silwana